Unomeva uthi akafuni ukulwa noFuzile

UXolisani Nomeva Ndongeni ucacise isizathu esibangela angafuni ukulwa no-Azinga Fuzile umfanekiso: Facebook

UXolisani “Nomeva” Ndongeni akanawo umnqweno wokulwa no-Azinga Fuzile onyukela kudidi lweLightweight.

La matyendyana akhulele phantsi kwesandla sikamanejala ka-Azinga Fuzile, uMzamo Njekanye, eDuncan Village Boxing Association (DVBA).

Ngonyaka ka-2015, uNdongeni wemka eDVBA, emva kokulwa imilo elishumi elinesixhenxe. Wazimanya neHotbox Gym, eRhawutini, phantsi kwesandla sikaCollin Nathan.

OkaNdongeni uthi kunganzima ukuvuma ukulwa no-Azinga Fuzile.

“Akukho mbethi manqindi ndiyoyikayo – kodwa andinawo umnqweno wokulwa no-Azinga Fuzile. Ndimthatha njengomninawe wam uFuzile ngoba sisuka kude sobabini. Ukhulele phambi kwam. Ukuba kunyanzekile ukuba silwe, kungafuneka ibenkulu inzuzo kulo mlo,” utshilo uNdongeni.

Le ndedeba ikholelwa ukuba ukuxhimfana kwezona mbethi manqindi ezinesosakhono zaseMzantsi Afrika kunciphisa amathuba okuba neentshatsheli zehlabathi.

“Ndiyavuma kugcwele ompondozihlanjiwe kudidi lweLightweight, kodwa ukuxangxathana kwethu sodwa kunciphisa amathuba okuvelisa iintshatsheli zehlabathi,” utshilo uNdongeni.

Nangona echasene nokuthelekiswa kweembethi manqindi zaseMzantsi Afrika ezikwizinga eliphezulu, uNdongeni uthi akayoki nenye.

“Ewe, ukuxhimfana kwethu sodwa akulincedi ilizwe, kodwa andoyiki nanye imbethi manqindi,” itshilo le nzalelwane yakwaBhaca.

UNdongeni, 28, unqwenelele impilo entle uSimphiwe Vetyeka osesibhedlele emva kokutshayiswa yimoto kwekaTshazimpunzi.

“Ibihlungu into eyehlele ubhuti Simphiwe [Vetyeka], makakhawuleze aphile,” utshilo uNdongeni.

Le ntandane yabalandeli bamanqindi ezinze eMonti ithi iphupa layo kukuqabela eqongeni nentshatsheli yeWBO kwihlabathi uRay Beltran.

“Iphupha lam kulo nyaka kukulwa nentshatsheli yeWBO, uRay Beltran”.

UNdongeni akakoyiswa kwimilo engamashumi amabini anesine asele eyilwile njengembethi manqindi ehlawulwayo.