UNomeva uyokuzama ubom obutsha

ULeighander Jegels, uMathews Phosa, uXolisani Ndongeni, uDaniel Canham kunye noSinethemba Matyaleni kwinkomfa yoonondaba ngempelaveki egqithileyo umfanekiso: Pedro Mapelo

Enye yeembethi manqindi ezitshontsh’ entla eMzantsi Afrika intingele kwilizwe laseMelika ekuqaleni kwale veki – apho inethemba lobomi obungcono.

UXolisani ‘Nomeva’ Ndongeni – oyinzalelwane yakwaBhaca, ugqibe kwelokuba alinikele umva ilizwe lakhe emva kokuba zingamhambelanga kakuhle izinto.

UNomeva yintshatsheli ye-IBO Lightweight emva kokubetha uJuan Garcia waseMexico – kodwa ingxaki anayo akayifumani imilo – eyona nto ibalulekileyo kwimbethi manqindi.

Le ndedeba yakwaBhaca iphantsi kwenkampani esakhasayo iMecca and Events Promotions. Phambi kokuhamba, uNdongeni ubenethamsanqa lokufumana inkxaso kwiMatthews Phosa Foundation emncedisileyo kwindlela eya eLas Vegas – apho kulindeleke abephantsi kweliso elibukhali likaLuis Tapia.

Emva kokuphumelela imidlalo engamashumi amabini anesibini phantsi, uNomeva unethemba lokufumana imilo eliqela nobomi obubhetele.

Zonke izinto azifunayo kuzawunyanzeleka azisebenzele nzima – kodwa uqinisekile ngenkxaso ngoba uzakulolongwa kwindawo kaFloyd Mayweather owaziwayo jikelele kwihlabathi.

Ethetha neentatheli phambi kokunduluka kwakhe, uNomeva uthethe wenjenje: “Utata wam uthe kum, xa ndifika endaweni, nam kufuneka ndenze into eyenziwayo. Kodwa engandilungeliyo ndingayenzi. Yilo nto endizakuyenza. Endikwaziyo ukuyeza, ndizakuyenza futhi ndizithembile kakhulu.”

Le mbethi-manqindi yenye yeembethi-manqindi ezibalaseleyo kweli lizwe – kodwa ithwaxwe kakhulu lilishwa kulo mdlalo.

Sekuqengqeleke iminyaka eliqela ngoku engafumani imali esisigidi sonke emva kokuphumelela iPremier Boxing League. Kuzo zonke ezo zinto akanikezelanga. Ngoku uzimisele ukulisebenzisa ithuba alifumeneyo.

“Andisafuni ukuthetha ngezinto ezidlulileyo, ndijonge phambili mna. Zininzi izinto ezindehleleyo emanqindini. Ndifuna ukuphumelela imilo eMelika, ukuzakhela igama ndizenzele nobomi obungcono. Ukusebenzela kwinkampu kaMayweather kuthetha ukuthi kufuneka ndizimisele futhi ndiya endaweni engcono,” uvale ngalo mazwi uNomeva.

Phambi kokuhamba kwakhe lo kaNomeva uye wathiwa jize ngomgrugra wemoto entsha yinkampani yakwaSASSTEC angunozakuzaku wayo.

“Ndineqela endisebenza nalo eliqinisekisa okokuba ndifumana yonke into endiyifunayo,” utshilo uNomeva.