UNomvete noBuckley abayi ndawo

Iindaba eziphuma kwinkampu yeqela elidala KwaZulu Natal, AmaZulu, zithi alizimiselanga ukuphulukana nefolosi uSiyabonga Nomvete nosekela mqeqeshi uDelron Buckley.

Eli qela lilungiselela isizini entsha emva kokuba lithe lawa phantsi kwiinzame zalo zokunyukela phezulu kwiPremier League. UNomvete, 38, uncedise eli qela ngamagowuli asixhenxe onke.

Ufike phakathi kwisizini ephelileyo emva kokushiya iMoroka Swallows ephinde yathotyiselwa kwinqanaba elingezantsi ngakumbi kule sizini iphelileyo.

Alishumi xa ewonke amagowuli kaBhele ngoba wemka kwiZinyoni enamathathu. Usuthu lukhawuleze lambophelela kwakhona ukuze ancedise nakwisizini ezayo. UBuckley yena wafika kunyaka ophelileyo. Wayefudula encedisa uSteve Barker ohambileyo kwisizini ephelileyo. Uzakuhlala njengomqeqeshi olisekela njengokuba AmaZulu eqeshe umqeqeshi omtsha ogama linguJoey Antipas.