Intshatsheli ye-IBF junior flyweight, uSivenathi Nontshinga, iza kukhusela intshinga yayo ngempelaveki emdlalweni obaluleke kakhulu. Ekuqaleni kwale veki, uNontshinga untingele eMelika – apho aza kudibana khona noAdrian Curiel Dominguez emlweni oza kube useMonte Carlo, eMonaco, ngoMgqibelo. Imbethimanqindi yaseMonti iya emlweni wangempelaveki izithembile emva kokuba ibethe uRegie Suganob olushica ngamanqaku emlweni obukwinyanga yeKhala kulo nyaka.
UNontshinga uza kudibana nembethimanqindi yaseMexico enemilo engamashumi amabini anesithathu kweyakhe elishumi elinambini kuphela. Oku kuthetha ukuthi kufuneka azimisele ngoba uDominguez yindoda ekwaziyo ukulwa nokuphumelela imilo. Abalandeli bamanqindi bathi uSivenathi unawo amathuba okuphumelela emlweni onemikelo elishumi elinanye noxa iyinto leyo engazukwenzeka lula. Ethetha emva kokubetha uSuganob, uNontshinga wathembisa ngelithi zininzi izinto ezintle asaza kusenza emanqindini.
Ukukhusela intshinga yakhe kubaleke kakhulu kuNontshintsha ngoba lo nto iza kumvulela amanye amathuba okukhula emdlalweni wamanqindi. Kunyanzelekile asebenzele ukuphumelela eMonaco, ngaphezulu kunomsebenzi awenze eMonti kwiinyanga ezigqithileyo. Konke oko kungenzeka ngoba uphantsi kwesandla sikaColin Nathan owaziwayo jikelele ngokuvelisa iintshatsheli zamanqindi esitalini sakhe. UNontshinga negqiza lakhe bantingele eMonaco kwangethuba ngelizama ukuzipha ithuba lokuqhelana nemozulu phambi komhla womlo.
UMphathiswa weZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni umnqwenelele okuhle kodwa uNontshinga. “Ulithemba lethu. Siyamxhasa kwilinge lakhe lokukhusela intshinga yakhe ngoba usisibonelo esihle ebantwini abatsha kwaye ubanika ithemba,” utshilo uMphathiswa. Kutshanje, isebe lihloniphe uNontshinga ngembasa ekhethekileyo emsithweni wokuwonga abagqwese kwezemidlalo obubanjelwe eMonti.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike