UNoxolo umongamele uPortia eMdantsane Indoor Sports Centre

UNoxolo Makhwanavu ubethe uPortia Base kumlo weSA Fly-weight. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Nakubeni umlo wamanqindi uqheleke kakhulu xa udlalwa ngamadoda nje – kodwa nawo amantombazana ayayibanga indawo yawo kulo mdlalo.

Namhlanje uNoxolo Makhanavu noPortia Base banike abantu umlo okwizinga eliphezulu kakhulu eMdantsane Indoor Sports Centre xeshikwe ezintokazi zeMpuma Koloni zisilwela intshinga yoMzantsi Afrika kwiFly-weight.

Lo mdlalo wamanqindi obuphakathi kwezi mbethi manqindi zilwa kakuhle ubusekela umlo wosuku obuphakathi kukaBongani Silila noLuyanda Kwankwa kwiyumente kwitumente ebiququzelwe yiKK Production namhlanje emalanga.

UMakhanavu uyikhusele kwakuko intshinga yakhe ebecelwa umngeni kuyo nguBase waseBhayi. Ulwe okwentshatsheli uMakhavu kwaye khange amqhelisele uBase phantse kuyo yonke imijikelo.

Le mbethikazi yamanqindi yaseScenery Park iye kulo mlo izilungiselele kakuhle; ibonakele lo nto kwakwindlela ebiwakhupha kakuhle ngayo amanqindi wayo. Nangona eyimbethi manqindi ezamayo futhi ekhutheleyo uBase – kodwa kuye kwacaca ukuba amava wakhe angeneno kakhulu kulawo kaMakhabu.

Yiyo lo nto kuthe xa kuphakathi kwimijukelo esondlela esiphelwe kuye kwanyanzeleka ukuba uBase anqandelwe ngusompempe ngenxa yokonganyelwa yimvula yamanqandi abuhlungu kaNoxolo.