Unozinti weBees unomnqweno wokudlalela iqela elikhulu

Man of the match Khanya Mini of EC Bees during the 2018 Nedbank Cup Last 16 match between Mamelodi Sundowns and EC Bees at Loftus Versveld Stadium, Pretoria on 13 March 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ukudlala
neMamelodi Sundowns ayonto elula kumaqela amaninzi eMzantsi Afrika. Inzima
kakhulu kwiqela elincinane – kodwa iqela laseMpuma Koloni, i-EC Bees, liphantse
layenzela inkawu ngenja kumdlalo weNedbank Cup ekuqaleni kwale veki.
Amasandawana kuye kwanyanzeleka ukuba akhuphe nasemqolo amandla ukuze abethe
iBees ngo’2-1 kumdlalo obunzima kakhulu eLoftus Versveld Stadium ngokushwa
kwangoLwesibini. Omnye wabadlali abaziqaqambisileyo emdlalweni ngunozinti
weBees ogama linguKhanya Mini. IDowns idume ngokuwabetha ngenqwaba yamagowuli
amaqela amancinane – kodwa uMini ukwazile ukuyinqanda lo nto ngokuqinisekisa
ukuba iibhola ebeziyingozi emdlalweni.

Image may contain: 1 person, standing and outdoor

Khanya Mini of EC Bees during the 2018 Nedbank Cup Last 16 match between Mamelodi Sundowns and EC Bees at Loftus Versveld Stadium, Pretoria on 13 March 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Phambi komdlalo,
ummqeqeshi weBees, uChippa Njedu, waxelela I’solezwe lesiXhosa ukuba (beliqela)
baza kulwa kwiSundowns. Enye yezinto awayibethelelayo uNjedu kukuba abadlali
bakhe kufuneka badlale ngozimisela okukhulu ukuze bakwazi ukubonwa elizweni
lonke. Yenzekile lo nto, kakuhle futhi. Iqela lakhe uNjedu
lisengundaba-mlonyeni nangoku kwilizwe lonke ngenxa yendlela eliyisokolise
ngayo iSundowns kumdlalo weNedbank Cup. Ukudlala neDowns yinto enkulu kakhulu kunozinti
weBees, uKhanya Mini, kwaye uthi ukuqubisana neqela elikhulu njengayo ibisoloko
iliphupha lakhe njengomdlali osakhulayo. Emva kokudlala kakuhle, uMini uye
wanikwa iwonga lomdlali obalaseleyo emdlalweni. “Bendingazi ukuba ndivale
amathuba weSundowns wokufaka amagowuli amahlanu onke. Into ebendiqinisekile
ngayo kukuba iza kuza kuthi ingxamile. Endingakutsho kukuba ukudlala neSundowns
yinto enkulu kakhulu kum ngoba iziintshatsheli ze-Afrika,” utshilo uMini
kwiSuperSport TV.

Ngoku lo nozinti
weBees (uMini, 24,) unethemba lokuba ukudlala kwakhe kakuhle kumdlalo weNedbank
Cup ogqithileyo, kwakuthi kumncede njengokuba engumntu onomnqweno wokudlalela
i-Orlando Pirates. Le ndedeba ixelele ulindixesha wenyanga, iKickOff Magazine,
ukuba ikhule ingumlandeli weDowns – kodwa iqela efuna ukulidlalela yiPirates. “Xa
udlala neSundowns awudingi nomntu okukhuthazayo ngoba lo nto iyodwa nje
iyinkuthazo ngokwayo. Indichulumancise kakhulu indlela endidlale ngayo neDowns.
Sibuyela kwimidlalo ye-ABC Motsepe League sikhuthazekile kakhulu. Wonke umdlali
osakhulayo unephupha lokudlalela iqela elikhulu. Mna ndikhule ndingumlandeli
weSundowns – kodwa umnqweno wam kukudlalela iPirates,” utshilo uMini.