UNozwelethu uphelelwa lithemba noxa ethanda amanqindi

Nozwelethu Mathontsi.

Nangona umdlalo wamanqindi iyinto esenyongweni kuNozwelethu Mathontsi kodwa uphelelwa lithemba ngenxa yokunqatyelwa yimilo.

UMathontsi, owazalelwa kwaBhaca kodwa ngoku ohlala eMdantsane, unayo ingqondo yamanqindi, unawo amandla nomnqweno wokukhula emdlalweni wamanqindi.

Into eyingxaki kukuba amanenekazi awakanikwa indawo ehloniphekileyo ngokulinganayo namadoda axhamla kakhulu.

“Andinalo tu ithemba, andifuni ukuphosisa. Thina manenekazi sinqatyelwe yimilo kakhulu. Andisazi esona sizathu. Abathelekisi bathi bayazama kodwa thina asiwafumani tu amathuba emanqindini. Ndingathi babeka phambili iimbethimanqindi ezingamadoda,” utshilo uMathontsi ephalaza intlungu yakhe kweli phephandaba.

UNozwelethu, 26, waqala umdlalo wamanqindi esemncinane ngo2006. Izinto zamhambela kakuhle esekwinqanaba eliphantsi kwade kwacaca okokuba ukulungele ukuya kwinqanaba eliphezulu.

Kwiminyaka yakudala, amanqindi ayedlalwa ngamadoda. Emva kokuba uMzantsi Afrika uzuze inkululeko, zibe khona iinguqu pha naphaya kodwa amanenekazi akakayinikwa indawo ewafaneleyo futhi asakhala ngokujongelwa phantsi nokunqatyelwa ngamathuba.

“Ndaqala ukudlala amanqindi ngo2006. Ukubetha inqindi yinto endiyithandayo kakhulu ngoba ndikhule ndiyenza. Zange kube nzima kum ukuba yimbethimanqindi ngoba amanqindi ndawaqala ndimncinane. Ndandisoloko ke ndicweya nabafana. Ndaziqhela ngolo hlobo izinto zamanqindi. Kum into yokuba yimbethimanqindi elinenekazi ayikho nzima qha kunqabe imilo,” utshilo uNozwelethu osele eyikhusele kane itayitile yakhe yoMzantsi Afrika.

Phantsi kwegama layo le mbethimanqindi ezinze eMdantsane, iphumelele ithoba lemilo yabethwa komnye kuphela emidlalweni elishumi.

Ikhorona izimoshile izinto ezininzi kwezemidlalo kodwa eso ayisosizathu esibangela uNozwelethu agcakamele ilanga italente enayo.

Nakubeni etyhafile, akakanikezeli.

“Ngo-2017 ndilwele itayitile yoMzantsi Afrika, emva koko iye yanqaba imilo. Isinqabele ke thina mantombazana asemanqindini. Ingase amantombazana adlaliswe njengamadoda.”