Ziyalandelelana iimbethimanqindi zephondo leMpuma Koloni ukuya kwiphondo laseGauteng – apho zikhangela khona amadlelo aluhlaza. Kwiinyanga ezidlulileyo, uColin Nathan wamkele iimbethimanqindi zaseMonti ezimceleke ukuba azincede azenze iintshatsheli zehlabathi.
Kutshanje kulandele uSikho Nqothole ongene phantsi kwesitali sikaNathan ekuthiwa yiNo Doubt Management. UNqothole waseMthatha wakhe wayintshatsheli (IBO All-Africa) nenye ekuthiwa yiWBO Global bantamweight.
Kodwa ngoba akaqhubi kakuhle. Indawo afuna ukuba kuyo emanqindini akade afike kuyo. Seso sizathu esibangele azincame kuNathan owaziwa ngokuvelisa iintshatsheli futhi onobuchule lokubuyisela ukuzithemba kwiimbethimanqindi sele zincamile.
Emva kokuba uNqothole ebuye ephaca eMexico – apho abethwe khona umlweni obungenayo intshinga, ubuye ezibona ukuba udinga uncedo kumakhwekhwetha owaziwayo eMzantsi Afrika. Ngelishwa ukuhamba kwakhe kushiya kukho imibuzo.
Ingaba iMpuma Koloni ayikwazi na ukuzikhathalela iimbethimanqindi zayo? Nakubeni iphondo lisabambe indawo ephambili emdlalweni wamanqindi – kodwa iintshatsheli ziveliswa eGauteng ngoku. Nokuba impendulo ithini, iimbethimanqindi aziliboni ikamva lazo zihleli eMpuma Koloni.
Kulindeleke ukuba uNqothole ahoywe nguNathan emva komlo kaLerato Dlamini olungiselela ukudibana noTomoki Kameda ekupheleni kwenyanga eJapan. Ngumlo ekunyanzelekileyo uDlamini ewuphumelele.
UNqothole ebeqeqeshwa nguPhumzile Matyila ohleli esebenzisana kakade noNathan. Emva kokuba imbethimanqindi yakhe ikhethe omnye umntu, ayicaci indima eza kwenziwa nguMatyhila. Kanye emva kokuba uNqothole efakwe phantsi kweBoxing 5, uthe:
“ULarry noNathan bandithembisile ukuba baza kundenza into endandiyiyo ngaphambili.” Nakubeni kubekho ukugqwidiza phaya naphaya – kodwa yena uNqothole yimbethimanqindi esenaso isakhono namandla ukufumana intshinga.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo