UNtantala ukhangela ihashe eliza kufana noAndazi embhantini!

UMnu. uNkunzi Ntantala. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Iidyokhi, abanikazi bamahashe nabalandeli bamahashe bakwamkela ngovuyo ukwakhiwa kwendawo yokuphalisela amahashe eDutywa kwasekuqaleni. Olo vuyo beluthe chatha kuMnu. uNkunzi Ntantala waseTyekelebende eseNqabarha ngoba uAndazi oweza nophuhliso lihashe lakhe – kodwa alingasekhoyo ngoku. UMnu. Ntantala uzityande igila kweli phephandaba kwimpelaveki egqithileyo ngethuba kuvulwa ibala lamahlashe aphalayo yiNkulumbuso yephondo leMpuma Koloni, uMnu. Lubabalo Oscar Mabuyane. Ibala elikwilali yakuBhomela, indawo yokuqala eyenzelwe abaphalisi apha eMpuma Koloni, laqala ukwakhiwa nguTat’uMthetheleli Ngumbela ongasekhoyo ngo-2016.

Wakwenza oko emva kokwenziwa ihlombe ngu-Andazi owayegqugqise emdyarhweni omkhulu obanjwa kanye ngonyaka ekuthiwa yiBerlin November. Ngelishwa, uTat’uNgumbela uye wasutywa kukufa kunyaka ophelileyo engozini yeenqwelomafutha eyayimbi engalivulanga ngokusesikweni ibala ekuthiwa wachitha imali engaphaya kwezigidi ezibini kulo. “Namhlanje sithetha ngosuku olukhulu. Silapha kuBhomela ngoba thina (bantu bamahashe) sacholwa nguBaw’uNgubemba ngenxa yehashe lam awayelazi ekwakuthiwa nguAndazi. Kumnandi apha, kumbejembeje kungamayeye nje. Intle kakhulu into elapha. Andazi nokuba ndingathini ngoba ndivuya kakhulu,” utshilo uMnu. Ntantala.

Emva kokufa kwehashe lakhe, izinto zange zimhambele kakuhle emidyarhweni yamahashe. Kodwa uthi ngeke kube kudala, likhona ihashe eliza kungena endaweni ka-Andazi owayegqugqisa iMpuma Koloni yonke. “Akusentsukuzatywala, ndiza kuza nomnye uAndazi kuvaleke imilomo. Ngelishwa lwam, andikwazanga ukuza nehashe mna apha kwiNgumbela Horse Racing namhlanje. Umahluko owenziwa yile tumente mkhulu kakhulu.UBawo uNgumbela wasiyalela ngelithi singaze sime ixesha elide kungaphaliswa amahashe. Ayikho (apha eMpuma Koloni) indawo entle njengale sayenzelwa nguBawo uNgumbela. Siyaqala thina ukubona indawo efana nale,” utshilo uMnu. Ntantala.