Inzalelwane yaseMpuma Koloni, uMakhaya Ntini, uchongwe njengomqeqeshi obambeleyo izolo ngumbutho olawula iqakamba kwilizwe laseZimbabwe.
Ukuchongwa kukaNtini kulandela ukuqhawuka komtshato weZimbabwe Cricket noDavenell Whatmore owatyikitya isivumelwano seminyaka eminye ekuqaleni konyaka ophelileyo.
Kwinyanga yokuqala kulo nyaka, uNtini, wathi watyunjwa liqela lesizwe laseZimbabwe ukuze adlale indima yokuqeqesha abadlali abajula iqakamba. UNtini ngumtu wokuqala omnyama kweli loMzantsi Afrika othe wanenhyweba yokufumana isikhundla sokuqeqesha iqela elidlala imidlalo yamazwe ngamazwe kwiqakamba.
Eso isivumelwano seseminyaka emibini. Omnye okhululiweyo leli qela ngukapteni uHamilton Masakadza.
Endaweni yakhe kungene uGraeme Cremer njengokapteni obambeleyo. Owayefudula engukapteni kweli qela laseZimbabwe, uTatenda Taibu, unikwe umsebenzi wokukhokela iqela labachongi kweli qela njengenxalenye yeenguqu ezenziweyo.
Ezinye iindaba ezimnandi kweli lizwe loMzantsi Afrika kukuchongwa kukaLance Klusener. Le ndedeba eyayidlalela iiProteas iza kujongana nabadlali abaqhokrayo yona. Isivumelwano sakhe sengqesho siqala ngomhla wesihlanu kule nyanga kude kuphele iminyaka emibini.
Kwingxelo ekhutshwe yiZimbabwe Cricket ithe, iinguqu zenziwa ngenxa yendlela iqela eladlala ngayo kwitumente yeqakamba ebibanjelwe e-India ebutsheni balo nyaka.
Kula tumente iZimbabwe yadlala kakubi futhi yahlazwa nangamazwe angekaqini kwiqakamba afana ne-Aghanistan. Ezi nguqu zenziwa phambi kotyelelo lwase-India.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi