UNtsebeza uncothula italente eCala

Umqeqeshi weJean Marc Ithier Academy, uBatandwa Ntsebeza, nequmrhu lophuhliso lolutsha

eCala, iCalusa, zibambe intlanganiso emalunga nophuhliso lwemidlalo kumasipala waseSakhisizwe ngempelaveki edlulileyo.

Le ntlanganiso ibijolise ekujongeni imvelaphi yemidlalo kulo masipala kunye nokujonga izinto ezinokwenziwa ukuya phambili. Bekukho namagqala ebhola ekhatywayo kule ntlanganiso aquka uZamumzi Zitho.

UBatandwa uqale kunyaka ophelileyo ukuzibandakanya nophuhliso lwemidlalo eSakhisizwe ngexesha esenza itonamenti ewayeyibiza ngeqgqala lomzabalazo eliyinzalelwane yaseCala, uBatandwa Ndondo ,waze wachonga uKuhle Ndletyana waseCala wamsa kuvavanyo eKapa. Ngoku uBatandwa uceba ukuza kwiiholide zesikolo eSakhisizwe kwakhona apho azakuqeqesha abadlali abalishumi elinesibhozo azakubachonga kumaqela ezikolo zasekuhlaleni.

Uzakuhlala nabo iveki yonke ebaqeqesha ngendlela yokuziphatha xa ungumdlali kunye neendlela ezintsha zokudlala ebaleni. Injongo yakhe uthi kukuba kubekho abadlali abalungele ukudlala kumaqela adlala kwi-ABC Motsepe, iNFD nePSL. Lo mqeqeshi uthe: “Ndifuna ukuseka isikolo sebhola ekhatywayo apha eSakhisizwe ingaphelanga inyanga kaJuni ukuba iyafumaneka inkxaso kumasipala noosomashishini. Lihlazo into yokuba iqela laseSakhisizwe iFC Elliot elidlala kwiABC Motsepe lithenge abadlali eRhawutini zikho iilali zalapha.”

Kule mpelaveki lo kaNtsebeza uchonge esinye isibini sabadlali abaziifolosi [eCala], * -Atule Tsetse no-Anele Thwani nazakubasa kuvavanyo neqela elikwiPSL angalikhankanyanga de aqoshelise iingxoxo, ngenyanga kaJulayi bekunye noKuhle Ndletyana, nosele efunwa yiFC Cape Town, ekwiNFD. UZitho uthe bengamagqala ebhola bayawuthakazelela lo mbono.