Umqeqeshi weJean Marc Ithier, noyinzalelwane yaseCala ozinze kwelaseNtshona Koloni, uBatandwa Ntsebeza(27), uthi akabuyi ngamva kwiphulo lakhe lokuphuhlisa ibhola ekhatywayo ezilalini.
Ukususela kunyaka ophelileyo, uBatandwa uthatha onke amakhefu akhe emsebenzini eKapa aye eCala eyekuncedisa amaqela ebhola ekhatywayo ezikolo zamabanga aphakamileyo.
Le nkqubo kaBatandwa ngoku sele iqhuba kwizikolo ezisixhenxe eCala naseKhowa, kwaye uqeqesha abadlali abangaphaya kwekhulu.UBatandwa uncokole neI’solezwe wenjenje:”Italente endiyibona kule ndawo ingummangaliso, ingakumbi ngoku ugxa wabo, uKuhle Ndletyana, sele esuka kuvavanyo neqela lam eKapa.
Andisayi kuyeka ukuncedisa aba bantwana de ndibabone bedlala kumaqela amakhulu.”Umqeqeshi uqhube wathi italente, ukuzimisela nochulumanco olubonakaliswa ngaba badlali kumenza aqiniseke ukuba abanye babo bangakulungela ukudlalela iqela laseKhowa iFC Elliot United edlala kuluhlu lwe-AB Motsepe.
UBatandwa uthe, ukwingxoxo nomnikazi weFC Elliot United amcelayo ukuba akhe ajonge kwaba badlali abaqeqeshayo.
UNtsebeza uqhube wathi, ngeeholide zenyanga yeSilimela uzakuba novavanyo oluzakuthabatha iveki yonke nabadlali abangamashumi amabini ananye ababonakalisa isakhono eSakhisizwe.
UBatandwa uthi, ekuqaleni injongo yakhe yayiyeyokuba athathe abadlali abaseKapa, kodwa ngoku unqwenela ukuqale ancedise iFC Elliot United yaseKhowa, namaqela eSakhisizwe LFA, ngokubakhulisela aba badlali.
Umqeqeshi uvale ngokutsho ukuba angenza nangaphezulu xa enokufumana inkxaso kumasipala weSakhisizwe, izikolo kunye noluntu ngokubanzi.
Kwaye uqinisekile ukuba olu qeqesho lwakhe lungakhokhelela ukuba kubekho amaqela aseSakhisizwe adlala kwiPSL.
UMofokeng ufumene imoto ngenxa yokugqwesa kwakhe ebholeni