UNtseki ujongene novavanyo olunzima eGhana

UMolefi Ntseki umqeqeshi weBafana Bafana

ABafana Bafana kulindeleke bajongane novavanyo olunzima emidlalweni yangempelaveki.

UMzantsi Afrika udibana neGhana emdlalweni ohlakulela itumente yeAfrika (2021 Africa Cup of Nations) eCape Coast Stadium ngentsimbi yesixhenxe ebusuku namhlanje.

Umqeqeshi weqela lesizwe, uMoleki Ntseki, ukhuthazekile emva kokuba iqela lakhe libethe iMali ngo’2-1 emdlalweni weNelson Mandela Challenge obubanjelwe eBhayi kwinyanga ephelileyo.

Nabadlali bakhe basenomfutho emva kokuhlutshezwa yiAfcon abasuka kuyo kwiinyanga ezidlulileyo nababethe iYiphutha kuyo phambi kokubethwa yiNigeria. Injongo kaNtseki inye, kukungabethwa eGhana.

Lo nto ibonakala kubadlali abachongileyo. Phantse bonke abadlali ebenabo emdlalweni ogqithileyo bakhona ngaphandle kukaThemba Zwane noKeegan Dolly abonzakeleyo.

“Xa ingonakalanga, ilungiselwani?” utshilo uNtseki emva kokubhengeza amagama wabadlali kutshanje. Njengomqeqeshi omtsha, kucacile okokuba ufuna ukwakha iqela elinamandla. ABafana Bafana bathelekiswe neGhana, iSudan neSao Tome Princepe. Emva kokudlala neGhana, uMzantsi Afrika kufuneka uzichithe iintente kwangoko ngoba ngeCawe udibana neSudan emdlalweni wesibini oza kube useOrlando Stadium emva kwemini. UNtseki ufuna amanqaku apheleleyo kodwa wazi kakuhle okokuba kufuneka achule ukunyathela ngoba iGhana iyingozi futhi naye akafuni ukulahlekelwa kwangoko ngamanqaku.

“Siya eGhana sinenqaku elinye, kuxhomekeke kuthi ukuba sifuna ukulikhusela. Asingeke sizijule xa sidlala njengangokuya besidlala neMali ngoba yona iGhana ingasonzakalisa. Ingasinceda yona into yokuhlasela kwangoko sifumane igowuli emdlalweni ngoba ingayiphatha kakubi lo nto iGhana kowayo,” utshilo uNtseki.

Okucacileyo kukuba uNtseki ufuna iqela lakhe lingabethwa eGhana. Yiyo lo nto kufuneka azikise ukucinga phambi kokukhetha abadlali basemva. Emdlalweni ogqithileyo usebenzise uThapelo Morena no-Innocent Maela kuba uSifiso Hlanti noThamsanqa Mkhize bebonzakele.

“Kufuneka siye emdlalweni silumkile kakhulu kwaye kubalulekile ukujongana nomdlalo ngendlela oyifaneleyo. Yiyo lo nto sithetha ngabadlali abanamava emva kokudlala kakuhle neYiphutha neNigeria,” utshilo uNtseki.

Oonozinti: Darren Keet, Ronwen Williams, Ricardo Goss.

Abasemva: Erick Mathoho, Buhle Mkhwanazi, Thulani Hlatshwayo, Thapelo Morena, Mosa Lebusa, Thamsanqa Mkhize, Innocent Maela, S’fiso Hlanti.

Esiswini: Kamohelo Mokotjo, Thato Mokeke, Dean Furman, Lebogang Phiri, Lebogang Manyama, Thulani Serero, Aubrey Modiba, Mothobi Mvala, Bongani Zungu.

Iifolosi: Lebo Mothiba, Bradley Grobler , Kermit Erasmus, Thembinkosi Lorch, Percy Tau.