Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uMolefi Ntseki, uthi unesicwangciso sokubuyisela iqela lakhe kwinto elayiyiyo ngaphaphambili. Emva kokuba iChiefs ithe yaphoswa lithuba lokugweba indlala yeminyaka eNaturena, uNtseki nabadlali bakhe baza kulwela ukuphumelela iCarling Knockout Cup eqala kule veki.
Amakhosi aza kudibana naMaZulu emdlalweni okulindeleke ukuba utake iintlantsi eFNB Stadium ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoMgqibelo. Uxinizelelo lusemagxeni kaNtseki emva kokuba enikwe uxanduva lokuhlangula iChiefs phambi kokuqala kwesizini yePSL ka2023/24 eqhubekayo.
Le ndedeba, ebikhe yaqeqesha iqela lesizwe, ixelele amajelo eendaba kutshanje ukuba kufuneka iChiefs ibuyele kwinto yokoyikwa kwayo kwicala lokuthatha iindebe. “Siyaqonda sonke ukuba kukho ilifu elimnyama phezu kwethu elifuna ukususwa. Yile nto esisebenzela ukuyilungisa ngoku kwiChiefs,” utshilo uNtseki emva kokuthelekiswa kwamaqela aza kudlala iCarling Knockout.
“Sizama ukujonga ukuba yinto eyayisebenzela iChiefs kudala enokusinceda sisuse ilifu elimnyama phezu kwethu. Okubalulekileyo kuthi ngoku kukukhulisa ukuzithemba kwabadlali, indlela yokudlala ecacileyo nokujonga iqela ngalinye phambi kokuba sidlale nalo.
Yindebe le esikuyo. Kufuneka izinto zicace kwa kwimizuzu engamashumi alithoba. Iingqondo zethu zisemdlalweni wokugqibela kwiCarling Cup,” utshilo uNtseki. Amakhosi kufuneka aqule aligangathe ngoba AmaZulu aya eGoli enomsindo emva kokuba ebethwe ngo’3-0 emdlalweni weDStv Premiership kwinyanga ephelileyo.
Noxa Usuthu lungayiqalanga kakuhle isizini eqhubekayo – kodwa linabo abadlali abanokuwisa nokuba leliphi na iqela elisendleleni yalo. Umdlalo wokuqala weCarling Knockout Cup uphakathi kweTS Galaxy neMamelodi Sundowns ngorhatya loLwesithathu.
Imidlalo yeCarling Cup:
Lwesihlanu: Orlando Pirates vs Cape Town Spurs @Orlando Stadium, 19:30
Mgqibelo: Golden Arrows vs Cape Town City @Mpumalanga Stadium, 15:00; Chippa United vs Stellenbosch FC @Nelson Mandela Bay Stadium, 15:00; Kaizer Chiefs vs AmaZulu @FNB Stadium, 18:00; Sekhukhune United v Royal AM @Peter Mokaba Stadium, 20:00
Cawa: Richards Bay vs Moroka Swallows, 15:00; SuperSport United vs Polokwane City @Peter Mokaba Stadium, 18:00
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile