Kunzima ukusazi esona sizathu esibangele uSiphelele Ntshangase avuselele isivumelwano sakhe sengqesho kwiKaizer Chiefs engamdlalisiyo.
Ngethuba efika eNaturena eminyakeni emibini edlulileyo, phantse bonke abantu babelindele lukhulu kuye ngoba ungumdlali onobuchule obungummangaliso bokudlala ibhola.
Ngaphezulu koko, ungumdlali onengqondo yebhola futhi okwaziyo ukuwufunda umdlalo ebaleni.
Nangani enazo zonke iimpawu zabadlali ebekufanele baphethe ebholeni yaseMzantsi Afrika, uNtshangase akadlaliswa ngumqeqeshi weChiefs, uErnst Middendorp.
Ukuhlala kwakhe kunceda iChiefs kuba ingakwazi ukuqasha abadlali abatsha ngenxa yesigwebo eyagxizwa ngaso yiFifa emva kokutyholwa ngokutyikitya umdlali waseMadagascar ngendlela engekho semthethweni. Lo nto inyanzele iChiefs ibambelele ebadlalini abakhoyo ngaphandle kwabathile abangasafunwayo ngumqeqeshi ongawathandiyo amavila.
Abanye abadlali abazibopheleleyo omnye unyaka kwiChiefs baquka uPhilani Zuli noBrylon Petersen ongunozinti.
Nangona izinto zingabahambelanga kakuhle kwiChiefs, bonke bakuvuyele ukuhlala, batsho bevakalisa ukunqwenela kwabo ukuyibuyekeza intembeko eboniswe kubo.
“Ndinayo indawo evakalelwayo yile nto yenzekileyo. Mandibulele usihlalo ngokundinika ithuba kwakhona. Ndibulela wonke umntu othe wabona okokuba ikhona indima endingayenza,” utshilo uNtshangase.
Yena uZulu, oqompizelwe yimidlalo kule sizini, uthe:
“Ndiyabulela, ndizimisele ukusebenza ngokuzimisela,” utshilo uZulu.
“Kuyandonwabisa ukuhlala omnye unyaka ngoba ndifumana elinye ithuba lokuzibonakalisa kwelinye lamaqela amakhulu eAfrika. Kuliwonga kum ukubalapha,” utshilo uPetersen.
Abanye abavuselele izivumelwano kulo nyaka nguBernard Parker, uWillard Katsande, uLee Baxter noLeonardo Castro.
Amakhosi agqibe kwelokuba amkhulule uGeorge Maluleka, uJoseph Molangoane noKabelo Mahlasela.
UMido uya kwiSundowns, akukacaci ukuba uyaphi uMolangoane onethuba elide engadlali ngenxa yokonzakala, kanti yena uMahlasela uza kuhlala kwiPolokwane City achithe iinyanga eziliqela ngemboleko.
Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala