Kulindeleke ukuba umbutho olawula ibhola eMzantsi Afrika, iSafa, ithathe isigqibo ngekamva lomqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo. UShakes Mashaba uphantsi koxinizelelo ukusukela mhla iBafana Bafana yaphulukana nethuba okudlala kwi-2017 Africa Cup of Nations ezakube iseGabon ekuqaleni konyaka ozayo.
Ngoku iindaba ezivakalayo zithi izikhulu zeSAFA sibambe intlanganiso – apho zizakuthi zihlalutye umsebenzi kaMashaba emva koko zithathe isigqibo. ABafana Bafana bavale imidlalo yokuhlakulela i-Afcon ngomdlalo ababambene kuwo ngo’1-1 neMauritania. Baze emva koko babetha i-Egypt ngo’1-0 kumdlalo weNelson Mandela Challenge e-Orlando Stadium kwiveki ephelileyo.
Ikomiti yeSafa ibihlangene kwimpelaveki edlulileyo – kodwa ngokwengxelo yephephandaba lempelaveki ithi izakubhala ingxelo ezakuthi iphicothwe sisigqeba seSafa esiphetheyo. Isivumelwano esenziwa nguShakes neSAFA sithi umqeqeshi makaqinisekise ukuba iqela lesizwe liyadlala i2017 Afcon ne-2018 FIFA World Cup. Ngoku kulindeleke ukuba azame indawo yeBafana Bafana kwitumente yehlabathi – kodwa kuyathandabuzeka ukuba angaphumelela xa ubani ejonga indlela iqela lesizwe eliqhube ngayo kwimidlalo yokuzibekela indawo kwi-Afcon. UMzantsi Afrika uzakuqubisana neBurkina Faso, iSenegal neCape Verde kwimidlalo yokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi.
UManqoba Mngqithi akonelanga ncam ngu’4-0 ofunyenwe yiMamelodi Sundowns