Inethuba elihle lokuphakamisa indebe iNigeria emva kokubetha uMzantsi Afrika ngo’4-2 kwiipenela emdlalweni we’African Cup of Nations obuseStade de la Paix, eBouake, namhlanje ebusuku. UStanley Nwabali, odlalela iChippa United, uncede iNigeria ngokuvala ipenela kaTeboho Mokoena no-Evidence Makgopa.
Omabini amaqela adlalile futhi ebenawo amathuba okuphumelela umdlalo ungekapheli. URonwen Williams uvale iibhola ezimbi wagcina uMzantsi Afrika emdlalweni. Idlulela kwisigaba sokugqibela iNigeria ebiqala ukudibana neqela eliyisokolisileyo kwiAfcon kulo nyaka.
Nakubeni uMzantsi Afrika ubethiwe – kodwa usebenzile kakhulu ngoba akukho mntu obecinga ukuba bangahamba umgama omde kwiAfcon njengokuba wenzile. Isiqingatha sokuqala siqale ngesantya esiphantsi.
Bekucaca ukuba kudibene amaqela ahlonipheneyo – kodwa okuthe kwacaca kukuba akukho qela elifuna ukulahlekelwa kwangoko emdlalweni. Ngokuhamba kwemizuzu, iNigeria iye yaswabuluka yadlala umdlalo obhetele. Ilinge layo lokufaka igowuli lithintelwe nguRonwen Williams oyibethe ngamanqindi ibhola ebintle yabuyela ebaleni.
Khange kube kudala, uSphephelo Sithole ukhabe ibhola ebithembisa – kodwa ngelishwa, iye ezandleni zikaStanley Nwabali. Umdlalo waBafana Bafana uye waphucuka nendlela abahlasele ngayo iye yaphucuka. UPecry Tau no-Evidence Makgopa bakwazile ukuyiphatha kakubi iNigeria emva – kodwa uNwabali ebethe qwa ezipalini zakhe.
UVictor Osimhen, obegadwe kakhulu, ukhe wazama ngentloko – kodwa ibhola yakhe iphume ecaleni. Isiqingatha sokuqala siphele kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini futhi nomdlalo ubuzinzile.
Ibuye ngamandla iNigeria kwisigaba sesibini. ABafana Bafana badlalele ibhola emhlabeni wabo ngenxa yeNigeria ebihlasela. USiyanda Xulu wenze umsebenzi omhle emva ephazamisa umzamo kaVictor Osimhen obefuna igowuli kakubi emdlalweni.
Baphinde badlala ibhola entle abadlali beNigeria behlasela – kodwa ibhola kaFrank Onyeka iphume ecaleni. Khange kube mizuzu emingaphi, uMvala wambeka phantsi uOsimhen yakhonjwa echaphazeni ibhola ngusompempe.
UWilliam Troost-Ekong ufake ipenela yatsho yahamba phambili iNigeria ebilawula umdlalo kwisigaba sesibini. Ilinge likaTau emva kwegowuli leNigeria aliphumelelanga – kodwa emva kwemizuzu embalwa uye wawiswa wafumana ipenela efakwe nguTeboho Mokoena.
Amandla weNigeria aye ehla emva kokuba kufakwe igowuli kuyo. Lo nto inike aBafana Bafana ithuba elihle lokuhlasela. Umdlalo uphele ebambene ngo’1-1 kodwa uGrant Kekana engaphandle emva kokukhutshwa ngekhadi elibomvu. UMzantsi Afrika ubethwe ngo’4-2 kwiipenela.
Ithuba lokufunda ukuqhuba kwabakhubazekileyo baseAmathole