Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni, iChippa United, ligoduka liphethe inqaku elinye jwi emva kokubambana ngegowuli elinye macala neSekhukhune United emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium emalanga namhlanje. Omabini amaqela aye emdlalweni wanamhlanje edinga amanqaku amathathu ngoba anethuba elide engaphumeleli kwiDStv Premiership. Ngelishwa lawo akubangakho eliphumeleleyo nakubeni amathuba ebekhona. Isinde ngokulambisa iChippa United encedwe ngunozinti wayo, uStanley Nwabali, odlala kakuhle kakhulu ukusukela wanikwa ithuba lokuqala imidlalo. USammy Seabi uphose ithuba lokubhalisa ebhodini emizuzwini yokuqala kwisigaba sokuqala emva kwebhola eyidlalelwe kakuhle ngugxa wakhe oyifolosi, uVictor Letsoalo.
Amakhwenkwe kaBrandon Truter awuthathele kuwo umdlalo atsho avuzwa ngegowuli elifakwe nguChibuike Ohizu odibene nebhola ebigotywe kakuhle nguRoderick Kabwe ephikweni. Uxinizelelo luye lwakhula emagxeni wabadlali beChippa United ebinyanzelekile ingabethwa emdlalweni ukuze ikwazi ukugcina umsantsa phakathi kwayo namaqela asezantsi kwayo kwiDStv Premiership. Kugqithe nje imizuzu emithathu, iChippa United yaphendula ngelayo igowuli elifakwe yifolosi ekhuthele kakhulu, uEtiosa Ighodaro. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa macala. Izamile ukuhlasela iSekhukhune kwisigaba sesibini – kodwa uStanley Nwabali ebengumqobo endleleni yayo eya empumelelweni.
Noxa bekungekho mathuba acacileyo kakhulu eChippa United – kodwa uAndile Mbenyane ukhe wazama ukukhabela ezipalini ibhola eqabele ngaphezulu. UNwabali uyisindise iChippa emizuzwini yokugqibela ngethuba ebamba ipenela ebikhatywe nguKabwe. Ngoku iqela likaTruter lidlale imidlalo yamithathu ngaphandle kwempumelelo. Alohlukanga kwiChippa engaphumelelanga namnye kwemine imidlalo ilandelelana. Iqela likaKurt Lentjies lagqibela ukuphumelela ngethuba libetha iMaritzburg United ngo’1-0 emdlalweni owawuseGqeberha kwinyanga yokuqala kulo nyaka. Emva kokugxothwa kukaMorgan Mammila, uxanduva lokusindisa iChippa United ezembeni lusemagxeni kaKurt Lentjies ngoku.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?