‘Unyanzelekile uMzantsi Afrika uye eYiphutha!’

Umqeqeshi weMaritzburg United, uEric Tinkler, uthi kunyanzelekile aBafana Bafana baye kwi2019 Africa Cup of Nations eza kubanjelwa eYiphutha kulo nyaka umfanekiso: Frikkie Kapp/BackpagePix

Umqeqeshi weMaritzburg United, uEric Tinkler, uthi lifikile ixesha lokuba iqela lesizwe lebhola ekhatywayo libuyise iimini zolonwabo kwibhola yaseMzantsi Afrika ngokuthi liqinisekise ukuba liyaya kwitumente yeAfrika ekulo nyaka.

UTinkler wayeyinxalenye yeBafana Bafana eyenza imbali ngo1996.

OkaTinkler uthi nangona zininzi izizathu ezibangele kwehle izinga lebhola elizweni – kodwa enyanisweni ngeke uMzantsi Afrika uqhayise ngePremier Soccer League esemgangathweni ophezulu usoyiswa kukuya kwiAfcon.

Iqela likaStuart Baxter liza kuswantsulisana neLibya emdlalweni wokugqibela wokuhlakulela iAfcon kwiveki ezayo eTunisia.

Ngumdlalo lowo oyakuthi uthathe aBafana Bafana ubase eYiphutha, apho indebe yeAfrika iza kudlalelwa khona ngenyanga yeSilimela.

Umdlalo ozayo ophakathi koMzantsi Afrika neLibya ngowesibini; owokuqala waphela ebambene ngeqanda omabini amazwe eMoses Mabhida Stadium kunyaka ophelileyo.

KuGroup E, aBafana Bafana basemva kweNigeria eyalifumana kudala yona itikiti lokuya kwiAfcon. UTinkler uthi njengokuba uMzantsi waphoswa lithuba lokuya eGabon, ngoku kunyanzelekile uye eYiphutha.

“Lide ixesha iqela lesizwe lingasabonwabisi abantu besizwe. Ngeke sihambe siqhayisa ngePSL esezingeni eliphezulu kwiAfrika yonke kodwa sibe sisoyiswa kukuya kwiAfcon. Ukugqibela kwethu ukudlala kwiAfcon ngo2015 lihlazo elikhulu. Kunyanzelekile uMzantsi Afrika uye eYiphutha,” utsho uTinkler.

UTinkler lelinye lamakhwahla ebholeni yaseMzantsi Afrika elaziqaqambisa ngokudlalela isizwe izihlandlo ezingamashumi amane anesihlanu.

Wakwenza konke edlalela amaqela aseYurophu, apho wadlalela amaqela afana neVictoria Futebol Club yasePortugal, iCagliari Calcio yaseItaly neBarnsley FC yaseNgilane. Ngoku sele engumqeqeshi owaziwayo emva kokuqeqesha amaqela afana neOrlando Pirates, iCape Town City neChippa United.