UNyatama noShonga bancede iPirates ebethwa ngumoya phezulu kwiPSL

Justin Shonga of Orlando Pirates celebrates goal with teammates during the Absa Premiership match between Orlando Pirates and Free State Stars on the 13 April 2019 at Orlando Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Ihamba phambili
ngamanqaku amathandathu ngoku i-Orlando Pirates emva kokuba ibethe iFree State
Stars ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni we-Absa Premier Soccer
League obubanjelwe e-Orlando Stadium ebusuku namhlanje. Amagowuli ancede
iPirates afakwe nguMusa Ntayama noJustin Shonga kwisigaba sesibini somdlalo. Elokubika
leFree State Stars lifakwe ngentloko nguEleazar Rodgers sekusondele ixesha
lokuphela komdlalo. Njengokuba amaqela asilwela indawo ephezulu kwiPSL –
iPirates liqela lokuqala elifikelele kumashumi amahlanu amanqaku kule isizini. Ukuphumelela
kweBucs umdlalo wayo wesithathu kwisithuba seentsuku ezilishumi kuyinika ithuba
elihle lokubambelela phezulu kwiPSL.

Kuyiwe kwixesha
lokuphumla kungekho gowuli ebhodini. Badlale umdlalo oncomekayo abadlali
beStars kwisigaba sokuqala ngoba bakwazile ukuyibamba iPirates engakhange
ikwazi nakanye ukukhabela unozinti. Izinto zijikile kekambe kwesesibini
isiqingatha. Kubekho ukufunquka kwesantya kwiPirates esikhokelele ekufumaneni
kwayo amagowuli ewafumeneyo. Iphantse yaphefumliswa ngoophayiphi kodwa iPirates
ekuzeni kuphela komdlali yiFree State Stars ebuqiqa ibuyelela emhlabeni kaWayne
Sandilans owenze umsebenzi omhle kakhulu. Ukubethwa kwalo iqela laseFree State
kuthetha ukuthi lisahleli kwindawo yeshumi elinesihlanu – kodwa liza kudlala neHighlands Park ngoLwesibini ozayo eMakhulong
Stadium – apho inokunyukela ngasentla ukuba ikwazile ukuphumelela. Komnye umdlalo, iSuperSport United ibambene ngeqanda nePolokwane City, iBlack Leopards ibambene neKaizer Chiefs ngo’1-1, iHighlands Park ibethe iMaritzburg United ngo’1-0 yona iBidvest Wits ibethe iChippa United ngo’1-0 izolo.