UNyatama unqwenela izinto ezinkulu

Emva kokudlalela amaqela amancinane emva kokukhululwa kwakhe yiMamelodi Sundowns kwiminyaka embalwa eyadlulayo, uMusa Nyatama uneenjongo ezinkulu.

Lo mdlali-siswini ufike kwi-Orlando Pirates kwinyanga ephelileyo emva kokudlalela iBloemfontein Celtic yaseFree State – apho avuselele khona ikhono lakhe.

UNyatama, 30, ngomnye wabadlali abanesiphiwo esingumangaliso eMzantsi Afrika, ukungahoywa kwakhe ngamaqela amakhulu bekungumqa ngoba ngawona maqela anamandla wokuqokelela abadlali abaphambili kwicala lezimali.

Ngumdlali ebekufanele kudala wadlalela iqela lesizwe – kodwa ke ezinye izinto zithatha ixesha lazo. Njengokuba efumene ithuba lokudlalela iPirates, lo mdlali uthi ufuna ukuphumelela iindebe nokubuyela kwiBafana Bafana. Zingenzeka ezo zinto ukuba yena noogxa bakhe basebenza ngokuzimisela.

“Kwabamnandi ndakuva okokuba ndifunwa yiPirates. Ndaqonda ukuba lelona qela lindilungeleyo ngoba ndinqwenela ukuphumelela indebe kwaye ndifuna nokudlalela iBafana Bafana,” utshilo uNyatama.

“Ndiqinisekile izinto zizakujika kule isizini. Ndifuna ukucela abalandeli ukuba bahlale besixhasa. Sizimisele ukubonwabisa ngokuthi siphumelele imidlalo,” utshilo uNyatama.

UNyatama udlalile kuyo yomibini imidlalo yePirates kule sizini intsha.