UNyatama uyihluthe impumelelo iDowns ngomzuzu wokugqibela

Emva kokugabadula ixesha elide ekuqaleni kwesizini, ngoku iMamelodi Sundowns iyangcambaza. Ziindaba ezimbi kakhulu ezi kwiqela ebelikade litshayela kwanto ephambi kwalo. Namhlanje iSundowns igqejwe iduma elingophiyo xeshikweni isohluthwa impumelelo ngomzuzu wokugqibela emdlalweni ophele intanganye ngo’1-1 neSwallows obubanjelwe eLucas Moripe Stadium emalanga namhlanje.

Ukusukela oko ithe yanyuselwa iSwallows FC, izakhele igama elihle ngenxa yokusokolisa amaqela amakhulu. Igowuli elifakwe nguMusa Nyatama kwixesha elongezelelwe ngusompempe linike iSwallows inqaku elinye emdlalweni ebihamba emva ixesha elide kuwo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns ihamba phambili ngegowuli elifakwe yifolosi, uKermit Erasmus, ngomzuzu wamashumi amane anesine. Umdlalo ubumhle kwaye iDowns ngeyikwazile ukufumana elinye igowuli ukuba ibiwasebenzisile amathuba.

Amaqela angene kwesesibini athatha apho ayeke khona kwesokuqala. Ibonise ubunganga bayo iSundowns ngokuwuthathela kuyo umdlalo isebenzisa abadlali bayo abaziwayo. UNjabulo Ngcobo weSwallows ukhe walifumana ithuba lokubeka iqela lakhe endaweni entle ngebhola ebisuka ekoneneni – kodwa akwenzekanga oko. USirino, uKekana noMaboe bazamamile ukufumana igowuli lesibini kodwa iinzame zabo aziphumelelanga.

Izinto zonakele xa uNyatama efaka emnatheni ibhola ebibethwe nguDenis Onyango. Emva komdlalo wanamhlanje, iSwallows neSundowns ziyalingana ngamanqaku phezulu kwiDStv Premiership. Komnye umdlalo odlalwe emalanga eThohoyandou Stadium, iChippa United ingombe iBlack Leopards ngomwasalala wamagowuli amathathu eqandeni. Impumelelo iyibeke endaweni ebhetele kakhulu iChippa engaqala kakuhle isizini.

Sundowns:Onyango, Morena, Langerman, Lebusa, Kekana, Maluleka, Mvala, Maboe, Zwane, Erasmus, Sirino.

Amalalela: Goss, Modiba, Motupa, Kapinga, Vilakazi, Domingo, Majadibou, Mkhulise, Makgalwa.

Swallows: Vries, Mere, Ngcobo, Letlabika, Hlanti, Mokoena, Mthethwa, Matlaba, Basadien, Mbokoma, Gamildien.

Amalalela: Ngobeni, Mahlatsi, Seabi, Ritchie, Sekgota, Malinga, Nyatama, Mhlongo, Sait.