Imbaleki yaseBhayi egama linguAmos Nyongo igoduke incumile emva kokuphuma phambili kugqatso obe luququzelelwe lisebe lezeMidlalo, uLonwabo neNkcubeko kwiveki ephelileyo.
Amakhulu eembaleki eziphume kwilizwe lonke zidibene eJan Smats Stadium – apho bekukho ugqatso lweembaleki olusetyenziswe njengendlela yokubhiyozela inyanga yeAfrika.
Iimbaleki ezaziwayo zikhuphisene kwi21km Half Marathon nakwi5km.
UNyonga, 30, ugoduke neshumi elinesibini lamawaka eerandi (R12 000) emva kokuziqhumisela zonke iimbaleki ebekhuphisana nazo.
Le ndoda yelokishi yaseMotherwell nomqeqeshi wayo abakwazanga ukuzibamba ngenxa yovuyo.
Uvuyo lwabo luphenjelelwe yindlela abaye bezilungiselele ngayo elugqatsweni nokunxanelwa kwabo impumelelo.
“Yooh, ndonwabe kakhulu. Khange ndicinge ukuba ndingaphumelela apha. Kunyaka endibaleke ngawo apha ndabamba indawo yeshumi elinanye. Ndize apha ndisithi ndifuna ukuphucula nje indlela endabaleka ngayo – khange ndicinge ukuba ndingaphumelela. Ndaqala ukulungiselela ugqatso kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo. Ndiye ndaqonda ukuba mandizilolonge kwangethuba kuba ndisazi ukuba imali intle nangenxa yezinye iimbaleki ezisuka kwamanye amazwe,” utshilo uNyongo.
UNyongo nomqeqeshi wakhe bayavuya ngoba amalungiselelo ogqatso oluza kubeluseBhayi kwisithuba seenyanga ezizayo ahamba kakuhle kwaye neenzame zabo ziyaqala ukuvelisa iziqhamo.
“Umqeqeshi wam uthe ndingalophula irekhodi loMzantsi Afrika ukuba ndizimisele, ngoku ke ndilungiselela ukubaleka kwinyanga yeKhala. Yonke into ihamba kakuhle njengokuba sisiya kwiSA Championships, eBhayi, kwinyanga yeKhala. Imbaleki nganye inephupha lokubaleka phesheya kolwandle. Xa ukwazileyo ukufumana eza mali utsho ukwazi ukuthatha ikhono lakho lokubaleka njengomsebenzi. Ndibalekela iqela ekuthiwa yiMotherwell Athletics Club, umqeqeshi wam uyandixhasa kakhulu. Nomasipala uyasixhasa sizimbaleki kakhulu eBhayi,” utshilo uNyongo.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo