UNyovest umfuna etshatshalazeni uNaaqMusiq kwakhona

UXolisani Ndongeni noNaagMusiq obethe uCassper Nyovest emlweni woosaziwayo obubanjelwe eSun City kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Facebook

UCassper Nyovest uthi ufuna impinda yomlo abethwe kuwo nguNaakMusiq. La madoda mabini azenzele igama kwicandelo lomculo eMzantsi Afrika ebenomlo omkhulu kwiveki ephelileyo eSun City kwiphondo loMntla Ntshona ngelizama ukuxhokonxa umdla wabantu emdlalweni wamanqindi. UNaakMusiq, ogama lingu-Anga Makhubalo, ugoduke ebhinqe ibhanti njengophawu loloyiso emva kokuba ebethe uNyovest ogama lakhe inguRefiloe Phoolo emlweni obunemijikelo emihlanu. Into abebeyifuna yenzekile ngoba abantu bebewubukele ngobuninzi umlo kumabonakude futhi basathetha ngawo umlo wabo nangona iyinto abangajonganga ukwenza inzuzo ngayo. Emva komlo, uNyovest uthe ufuna ukuphinda alwe noNaakMusiq.

Umququzeleli weTLB Boxing Promotions, uJoyce Kungwane, uvakalise uvuyo olukhulu emva kwetumente yamanqindi ebeyimpumelo. “Sonwabe kakhulu yindlela izinto ezinto ezenzeke ngayo. Emva kwale impumelelo, ngoku sizama indawo enkulu. UCassper uthe ufuna kudlalwe futhi. Iza kwenziwa sithi lo nto,” utshilo uKungwane. Ngaphandle kokuphaxulana kukaCassper noNaakMusiq, bekukho imilo yeembethimanqindi ezintlanu eqhubekileyo eSun City. ULwandile Ngxeke waseSada ubethe uAthenkosi Dumezweni waseMthatha. Kumjikelo weshumi, usompempe obephethe umdlalo uye wawuchitha kumjikelo weshumi kwakucaca ukuba uNgxeke uyamongamela uDumezweni.

Komnye umlo, uBukiwe Nonina waseDutywa ubethe uFeriche Mashauri welizwe laseTanzania emlweni wentshinga ebingenamntu. Akukho namnye umjikelo akwazileyo ukuwuzuza uMashauri kuNonina okhe wanqaba eqongeni lamanqindi. Akabaphoxanga abalandeli bakhe noSimphiwe Konkco obethe uAriston Aton waseFilipino. Ibingumlo wokuqala kaKonkco ukusukela ngonyaka ka-2019 awabethwa ngawo nguChayaphon Moonsri. Kweminye imilo yeembethimanqindi zalapha eMzantsi Afrika, uLucky Monyebane ubethe uRomeo Makwakwa waseMalawi ngamanqaku – kanti nnaye uSikho Nqothole woyise uRicardo Malajika ngamanqaku.