Unyuselwe obefudula edlalela iChippa

IiChilli Boys zichonge owayengumdlali wasemva wazo, uMbuyiselo Sambu, njengosekela mqeqeshi kaDan Malesela, ongumqeqeshi obambeleyo njengokuba uRoger Sikhakhane esathawuza ematyaleni.

Esi sibhengezo senziwe yiChippa emva kokuba uFloyd Mogale engasamkelanga isicelo sokuba ngumncedisi kaMalesela. Phofu ngokwengxelo yeli qela eliyikhuphe izolo, uMogale uzakuhlala njengomqeqeshi weqela leChippa elidlala kwiDiski Challenge.

USambu ungena kwesi sikhundla emva kokudlala ibhola ekhatywayo kweli loMzantsi Afrika kumgangatho ophezulu iminyaka elishumi elinesithathu kumaqela afana neChippa United, Platinum Stars neBloemfontein Celtic.

Abaphathi beChippa, bathi bayakholelwa ukuba ubukho bakhe bakuba lulutho, kwaye njengokuba engumntu walapha kweli phondo laseMpuma Koloni, unobudlelwano nabantu balapha.

“Siyavuya thina xa umntu ofana noSambu efumana ithuba. Unamava kakhulu ngoba ukhe wayinkokeli kweli qela ngaphambili, kwaye usisibonelo esihle kulutsha lweli phondo lethu,” utshilo uSiviwe ‘Chippa’ Mpengesi izolo.

Ngokunyusela uSambu, iChippa kunokwenzeka ukuba ilungiselela ubomi bayo ngaphandle kukaRoger Sikhakhane, olindeleke ukuba avele phambi kwekomiti yoluleko yeli qela namhlanje emva kwezityholo zokungaziphathi kakuhle ezibekwe ekuqaleni kwale veki.

Zikhona neengxelo ezivakalayo ezithi angayishiya iChippa, futhi kukwakho nezithi uphakathi kwabaqeqeshi abathathu ekulindeleke uku ba kukhethwe kubo yiMaritzburg United esazama ukuvala indawo eshiywe nguClive Barker.

Ukungabikho kozinzo kungaziqhokra kabuhlungu iiChilli Boys njengokuba zifuna ukufinca le sizini ziphakathi kwamaqela asibhozo aphambili kwi-Absa Premier Soccer League.

Kungoku nje iChippa United ikwindawo yesibhozo kuluhlu lwamaqela ePSL, iphumelele imidlalo emine kwimidlalo elishumi elinanye eyidlalileyo ukuzothi ga ngoku.

Kwiveki ezayo ngoLwesihlanu, iChippa yamkela iBloemfontein Celtic kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ozakube ubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium ngentsimbi yesibhozo ebusuku.