UPacquiao uzakulwa umlo wokugqibela

Zilishumi linanye iinyanga uManny Pacquiao wagqibela ukulwa ukusekela mhla wabethwa nguFloyd Mayweather kunyaka ophelileyo.

Lo nto yamshiya enxanelwwe umlo wakhe wokuthi ndlela-ntle noTim Bradley ngoMgqibelo. Le ndedeba ithi emva kwalo umlo izakubeka phantsi, emva koko ijongane nepolitiki endaweni eyazalelwa kuyo.

Kule mbethi manqindi le yindlela yokuvala imbali yakhe emdlalweni wamanqindi. “Kubalulekile kum ukuphumelela lo mlo kakuhle ngoba uyinxalenye yembali yam.

Ndiphumle unyaka wonke. Ndithe xa ndiqala ukuzilungiselela lo mlo ndanxanelwa umlo ngakumbi,” utsho uPacquiao.

“Ndiyawathanda amanqindi, yinto endikhulele kuyo kude kube ngoku,” utshilo uPacquiao.