UGustavo Paez wenze ezibukwayo namhlanje ngethuba ethatha iKaizer Chiefs eyibeka kumdlalo wamagqibeka kankqoyi weMaize Cup ozakudlalelwa eJames Motlatsi Stadium. Le folosi, edumene ngokukhathaza, ifake amagowuli amabini kulo mdlalo iChiefs ebethe kuwo iTownship Rollers ebigoloza ngo’2-0. USteve Komphela ufake phantse zonke iziqwayi zakhe zabadlali kulo mdlalo – kodwa kwabe kukho abadlali abatsha abafana noBhongolethu Jayiya noHadebe obedlala noMathoho abanike ithuba okokuqala.
Zisuka nje Amakhosi awuthathele kuwo umdlalo futhi ebonakala ukuba azimisele ukuwusonga msinyane – kodwa abadlali beRollers bebedlala umdlalo odibeneyo phaya emva. Emva kweenzame eziliqela ezenziwe nguWillard Katsande, uGeorge Maluleka noHendrick Ekstein phaya esiswini nakumhlaba weRollers – uGustavo Paez ude wawungcangcazelisa umnatha kumzuzu weshumi elinesithandathu. Lo nto ibaxhokonxile abadlali beTownship Rollers ngoba babonakele bephikelela nokuya phambili. UMathoho noHadebe – abadlale umdlalo wabo wokuqala – badlale umdlalo ozinzileyo kwaye besebenzisana noogxa babo kakuhle.
Gift Links of Platinum Stars is tackled by Tamsanqa Teyise of Free State Stars during the 2017 Maize Cup match between Platinum Stars and Free State Stars on the 15 July 2017 at James Motlatsi Stadium, Orkney © Sydney Mahlangu /BackpagePix
Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amakhosi ephala phambili ngo’1-0, kwesesibini isigaba into efunekayo ibinye qha: ukufaka igowuli lempumelelo. Umdlalo ulawulwe yiChiefs nakwesi sesibini isigaba somdlalo. Kuthe xa kusondela ixesha lokuphela komdlalo, uPaez wafaka igowuli lesibini ngepenela emva kokuwiswa kukaTsepo Maselela ebhokisini. Aphumelele ngo’2-0 Amakhosi kulo mdlalo, ngoku azakudibana neFree State Stars kumdlalo wokugqibela ngo’16:00 emva kokuba ibethe iPlatinum Stars ngo’1-0 kumdlalo wokuqala weMaize Cup namhlanje.
UKomphela uthe umdlalo olandelayo uzakudlalwa ngabadlali abangadlalanga kulo wokuqala. Injongo yakhe kukunika phantse bonke abadlali ithuba lokufumana umdlalo nethuba lokolula imilenze nanjengoko bebuya ekhefini lokuphela kwesizini.
UNasreddine Nabi uphazanyiswe yiChiefs ephise ngomdlalo kwiRoyal Am