UPagba noGriezmann bayibeke phezulu iFrance kuGroup C

Paul Pogba (3-R) of France celebrates with team mates after scoring the 2-1 lead during the FIFA World Cup 2018 group C preliminary round soccer match between France and Australia in Kazan, Russia, 16 June 2018. DIEGO AZUBEL / EPA

Umqeqeshi
weFrance, uDidier Deschamps, wonwabile emva kokuba iqela lakhe likwazile
ukuphumelela umdlalo walo wokuwala kwindebe yehlabathi eseRussia. Amagowuli
amabini afakwe nguGriezmann noPaul Pogba ancede iFrance ngethuba ibetha
i-Australia ngo’2-1 kumdlalo wokuqala kaGroup C obubanjelwe eKazan Arena
Stadium ngale njikalanga yanamhlanje. Amanqaku amathathu ayithathe iFrance
ayibeka encochoyini kaGroup C. Nakubeni ibethiwe nje i-Australia emdlalweni –
kodwa indlela edlale ngayo iyancomeka.

Image may contain: 3 people, people playing sports, stadium and outdoor

Kuyiwe kwixesha
lokuphumla kungekho qela likwazileyo ukubhalisa ebhodini. Unozinti we-Australia,
uMathew Ryan, ngoyena mdlali obexakekile kwisiqingatha sokuqala. Zininzi
kakhulu iibhola ezikhatywe ngabadlali beFrance azivalileyo. UKylian Mbappe
ukhabe imbumbu yebhola kumzuzu wokuqala ephakathi ebhokisini, ngelishwa lakhe
ifikel uRyan we-Australia ethe qwa. Kanti naye uGriezman ukhe wazama – kodwa akaphumelela.
Umdlalo wona ubumhle nakubeni iFrance ingakwazanga ukubonisa amandla enawo
njengelizwe elinabadlali abakhulu njengoPaul Pogba. Ifumene ithuba elinye
kwisigaba sokuqala i-Australia – kodwa umqeqeshi wayo, ngaphandle
kwamathandabuzo, uyamkele indlela iqela lakhe eliyibambe ngayo iFrance.

Image may contain: 5 people, people playing sports, stadium and outdoor

Isiqingatha
sesibini siqhwithe zisuka ngoba i-Australia iphantse yabhakuzelisa umnatha
ngebhola yentloko echikwe ngumdlali weFrance – uMthew Ryan uyinqande isiya
emnatheni. Emva koko iFrance ibhakuzelise umnatha ngepenela efakwe
nguGriezmann. Kuye kwanyanzeleka usompempe alungiswe ngabancedisi bakhe
ababukela umdlalo kwiTV ukuze ayinike ipenela iFrance – ngapha koko yena
ebeyivimbile. Kwimizuzwana embalwa uMile Jedinak ufake igowuli lokulinganisa
le-Australia emva kokuba usompempe eyinike ipenela. USamuel Umtiti nguye owise
umdlali we-Australia endaweni embi. UPogba ufake igowuli lesibini elihle
kumzuzu wamashumi asibhozo. Impumelelo yeFrance iyibeke phezulu – kodwa kunyanzelekile
inyuse igiya ukuba iFrance ifuna ukuhlala ixesha elide kwi-2018 FIFA World Cup
emva komdlalo wayo wanamhlanje.

  

France: Hugo LLoris, Benjamin Pavard, Raphael Varane,
Samuel Umtiti, Paul Pogba, Antoine Griezmann, Kylian Mbappe, Ousmane Dembele,
Corentin Tolisso, Ngolo Kante, Lucas Hernandez.

Australia: Mathew Ryan, Mark Milligan, Mathew Leckiie,
Robbie Kruse, Andrew Nabbout, Aaron Mooy, Mile Jedinak, Aziz Behich, Joshua
Risdon, Trent Sainsbury, Tom Rogic.