UPalacios woyisiwe yi-Orlando Pirates!

Umdlali-siswini, weOrlando Pirates * -Oupa Manyisa, kunye noAugusto Palacios.

Izinto azimhambeli kakuhle uAugusto Palacios neqela lakhe konke konke.

Oku kulandela ukungakwazi kwe-Orlando Pirates ukuphumelela imidlalo nasemva kokuba ibethwe yiBloemfontein Celtic ngo’2-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League phambi kwabalandeli bayo e-Orlando Stadium.

Ukubethwa kweBucs kubhenca ingxaki yeli qela angenakukwazi ukuyisombulula uPalacios – ibambela mqeqeshi elikhoyo ngoku.

Amabhakabhaka avale unyaka bengaxolanga abalandeli. Abadlali bePirates abakwazanga ukudlala umdlalo ophucukileyo nobonisa ukunxanelwa kwabo impumelelo kwimidlalo edlulileyo – mhlawumbi ziinguqu ezenziwa [rhoqo] ngumqeqeshi [uPalacios] ezenza isiphithiphithi.

UNjenje woneke izandla emva komdlalo, uphawu olubonisa ukuphelelwa kwakhe lithemba.

Nangona ezamile ekuqaleni, kodwa le nto yenzekayo ayothusi ngoba wangena endaweni kaMuhsin Ertugral, owanikezela emva kokubethwa kwePirates ngo’6-1 yiSuperSport United, kunyekenyeke. UPalacios uyihlangule iPirates kwiminyaka edlulileyo – kodwa kweli ityeli: imxakile ngqo. Ukubhutyuza kwabadlali bakhe emva komshiye ethe nxotho. “Ndiphoxekile. Andazi nokuba mandithini. Amagowuli angene ngendlela engakholelekiyo. Abadlali bethu abakwazanga ukumelana nabadlali ababini beCeltic, ndingathini ngento enjalo?” Utshilo uPalacios kumabonakude emva kwalo mdlalo.

“Senze iimpazamo ezimbi, iCeltic khange ifumane mathuba – qha isebenzise iimpazamo zethu enkundleni yethu. Ndikhathazekile ngoba ayibafanelanga le nto abalandeli bePirates. Yintoni endingayenza? andidlali ngokwam. Ndizamile mna kodwa andifuni kusola mntu,” uqhube watsho uPalacios.

IPirates inemidlalo emine ngaphandle kwempumelelo. Iyaxhalabisa lo nto ngoba iyashiywa ngamanye amaqela – ukuba ayiqokeleli amanqaku xa ivula iPSL ngo’2017 – ingasegxaki. Ukuba abaphathi beSea-Robbers bafuna eli qela lifince amashumi asibhozo eminyaka kukho indebe; mabaqashe umqeqeshi omtsha ukuze azokunika umkhombandlela.