UPapy Faty uncede iqela lakhe

Iqela laseGoli, iBidvest Wits, lithe chu nokufaka uxinizelelo kwiMamelodi Sundowns. IWits ifundise isifundo iqela lasePitoli, iSuperSport United, ngolibetha ngamagowuli amabini eqandeni kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ngoLwesibini odlulileyo.

Umdlali siswini obekade ehleli ngaphandle ixesha elide ngenxa yokwenzakala, uPapy Faty, ukhumbuze abantu abebezimase lo mdlalo ukuba ungubani, ngokufaka amagowuli empumelelo amabini. le mpumelelo ifake umfutho kwiMamelodi Sundowns ephala phambili kwiPSL. Emva komdlalo, uFaty uvakalise uchulumanco olungumangaliso, watsho ebulela noMdali omphe amandla.

Umqeqeshi weSuperSport United, uStuart Baxter, ukhwele ezehlela kubadlali bakhe, watsho egxeka indlela abaqubisene ngayo neefolosi neWits. Abadlali ababini abaphambili, uSibusiso Vilakazi noBongani Khumalo beWits, bancome kakhulu abanye abadlali ngokuzimisela emdlalweni.

“ngamanye amaxesha, izinto azisihambeli kakuhle, kodwa kulo umdlalo siyijikile ikona. Abadlali badlale ngokuzimisela kwaye wonke umntu ubenalo igalelo kule mpumelelo,” utshilo uVilakazi. Iqela elisokolayo, iMaritzburg United, iphumelele ngo’1-0 xeshikweni ibetha iFree State Stars kumdlalo obuseGloble Park Stadium. Ngoku iMaritzburg ilingana neJomo Cosmos ngamanqaku angamashumi amabini.