UParker noPaez bangayimpendulo kwingxaki yeChiefs

Kukhangeleka ngathi uGustavo Paez noBernard Parker bangasisisombululo kwiKaizer Chiefs engafaki amagowuli ngokwaneleyo emidlalweni yayo.

Ezi zitshovu-tshovu zeefolosi kulindeleke zithathe apho ziyeke khona kwiveki ephelileyo xa iKaizer Chiefs ingquzulana neChippa United kumdlalo wePremier’s Cup ngo’15:00 eSisa Dukashe Stadium ngoMgqibelo.

Amakhwenkwe kaSteve Komphela eza kulo mdlalo enamandla emva kokuphumelela iMaize Cup neCarling Black Label apho abethe kuyo i-Orlando Pirates ngo’1-0 eFNB Stadium kwiveki ephelileyo.

Oku kuza nanjengoko Amakhosi ezilungiselela isizini yePSL ka’2017/18 ezakuqala kwiveki ezayo.

UKomphela uza kulo mdlalo enomthandazo wemihla ngemihla othi: ingase intsebenziswano ephakathi kukaParker noPaez isiphathele amagowuli.

Lo nto ibaluleke kakhulu kuKomphela kwisizini ezayo ngoba iqela lakhe lizakusebenzela ukuphumelela iindebe emva kokulambatha iisizini ezimbini zonke.

Ngaba badlali abenze idemeshe kwiCarling Cup kwiveki ephelileyo. Imnike ithemba ke lo nto uKomphela ozama ukwakha iqela elizakumnika indebe yakhe yokuqala kwiPSL.

“Kumalungiselelo wethu, sizama ukudibanisa la madoda. Ndicinga ukuba badlale kakuhle. Ndiphawule ukuba emdlalweni omhle kaParker – nguPaez uye wanegalelo kuwo. Kumnandi ukuba nabadlali ababonanayo ebaleni njengaba,” utshilo uKomphela kwiveki ephelileyo.

Ukufika isizini iphakathi kuye kwambambezela uPaez, ngoku uyakuqonda okufunwa yiChiefs kwaye naye uyaziwa ngabadlali. Ngoku uyangena egiyeni, kubonakele oko emva komdlalo obuseFNB Stadium.

UParker uthi impumelelo yeveki ephelileyo ifunqule ukuzithemba ebadlalini.

“Isincedile kakhulu le mpumelelo kwaye ndonwabe kakhulu. Sisafundana – kodwa siza kakuhle. Sizimisele ukuphumeza iimfuno zeqela lethu kulo nyaka,” utshilo uParker.

Lo mdlalo uzakunceda iChiefs edibana neSuperSport United kumdlalo weMTN 8 ngo’20:15 eMoses Mabhida Stadium kwiveki ezayo ngoMgqibelo.