Umdlali weCape Cobras, uWayne Parnell, uphumelele iwonga elikhulu leSunfoil Series Sizzler kukhuphiswano lwalo nyaka, kulandela imijikelo emihlanu yokugqibela yokhuphiswano lweSunfoil.
ITitans ziqabele ngaphezulu kweHighveld Lions neVKB Knights ukuze ziphumelele itayitile. IiLions zizo ebezibambe itayitile yeSunfoil kwisizini edlulileyo. Le mbasa yeSunfoil Sizzler ihamba nemali engamawaka alishumi elinesihlanu eerandi (R15 000).
UParnell udlale kuphela le mijikelo yokugqibela yokhuphiswano ngenxa yokwenzakala, kodwa ekubuyeni kwakhe uye wazibonakalisa ngendlela engummangaliso. Uwise oothinti abangamashumi amabini anesithathu. Ngokucacileyo ungomnye wabadlali abahamba phambili kwiqakamba yeli loMzantsi Afrika.
“Sivuyisana naye uWayne ngokufumana kwakhe iwunga leSunfoil Sizzler,” utshilo umlawuli weqakamba kwiCricket South Africa, uCorrie van Zyl.
“Oko ebedlala ngokuzimisela xa eqhokra, naxa agibiselayo kule midlalo mihlanu idlulileyo.”
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!