UPatosi noLakay bayikhulule iCape Town City kumdlalo obuse-Athlone Stadium

Teko Modise of Cape Town City evades challenge from Sizwe Mdlinzo of Chippa United during the Absa Premiership 2017/18 football match between Cape Town City FC and Chippa United at Athlone Stadium, Cape Town on 2 March 2018 ©Chris Ricco/BackpagePix

Emva kokubethwa
izihlandlo ezine imidlalo ilandelelana, iCape Town City ivuke ngeChippa United kumdlalo
wanamhlanje. IiChilli Boys ziquthiswe ngo’2-0 yiCity kumdlalo we-Absa Premier
Soccer League obumhle kakhulu e-Athlone Stadium namhlanje ebusuku. Amagowuli
weCitizens afakwe kwisiqingatha sokuqala somdlalo omabini ngu-Ayanda Patosi noLyle
Lakay – awona madoda akhulule eli qela laseKapa emva kokwenziwa iingqongqo
imidlalo eliqela. Umdlali uthe waqaqamba emdlalweni ibe nguTeko Modise
obenefuthe kakhulu okwanguye obesenza umsebenzi wokutyala iibhola esiswini. Nangona
iChippa United iwuqale kakuhle nje umdlalo – kodwa amandla wayo akayincedanga
kangako.

IChippa
United iye kwixesha lokuphumla iphantsi koxinizelelo emva kokuvulela amagowuli
amabini. UMark Mayambela noPaseka Mako ngabona badlali abazamileyo ukufaka
uxinizelelo – kodwa kuye kwabonakala okokuba iCity ibafundile indlela abadlala
ngayo ngoba ibiqhawula kwabhola eyingozi emhlabeni wayo. Kwimidlalo emibini qha,
ngoku kwiChippa United kufakwe amagowuli amathandathu – kanti ayiphumelelanga
namnye umdlalo kwimidlalo esixhenkxe ngoku. Lo nto iza kubaxhalabisa abalandeli
bayo [iChippa] ngoba njengokuba ithe ngcu kwindawo yethoba – amaqela asemva
kwayo akekude kuyaphi ngokwanqaku.

Emva komdlalo
uTeboho Moloi uvumile okokuba iCape
Town City

ifumene impumelelo emdlalweni ngoba lelona qela elizibonakalisileyo ukuba lifuna
impumelelo. Kwelinye icala uBenni McCarthy uwamkele amanqaku amathathu asondeze
iqela lakhe kumaqela aphezulu kwiPremier League. Komnye umdlalo iBidvest Wits
idlale ntanganye ngo’1-1 neBaroka FC ebusuku namhlanje. Kanti yona iMamelodi
Sundowns izingombele AmaZulu FC ngo’3-1 kumdlalo obuseKing Zwelithini Stadium.

 

 Cape
Town
City
Stephens, Mkhize,
Gumede, Johannes, Edmilson, Putsche, Modise, Ralani, Patosi, Lakay, Moseamedi. 

 Amalalela: Walters, Seedat,
Mngonyama, Martin, Roberts, Masina, Nana.

 Chippa United: Akpeyi, Macheke,
Okwuosa, Konqobe, Mako, Mdlinzo, Hachi, Mabaso, Mayambela, Mbenyane, Macuphu.

 Amalalela: Mhlongo, Sali,
Nsabiyumva, Rakhale, Bergman, Maholo, Mashego.