UPatosi uhlangule uMzantsi Afrika!

Umdlalo wobuhlobo obuphakathi koMzantsi Afrika nelizwe laseGhana uphele ngo’1-1 eMoses Mabhida Stadium namhlanje kwisithuba esingangeyure edlulileyo.

Kuye kwanyanzeleka aBafana Bafana balandelise ngegowuli kwisiqingatha sesibini somdlalo emva kokuhamba emva kwiGhana engcangcazelise umnatha kwisiqingatha sokuqala.

Umntu ongalaziyo iqela leli lizwe ebenokuphazama ngokucinga ukuba yiGhana edlalela ekhaya ngoba yiyo elawule umdlalo ukusukela ngomzuzu wokuqala kulo mdlalo wanamhlanje.

Kwimizuzu emihlanu ekuqaleni komdlalo, iiBlack Stars, zabelene ngebhola kakuhle kakhulu futhi zingena kwiindawo eziyingozi zoMzantsi Afrika. Amakhwenkwe kaShakes Mashaba aswabuluke kade kulo mdlalo ngokungathi ebengadlali ngempelaveki.

Kodwa ke omnye umntu angabathethelela abadlali boMzantsi Afrika ngelithi badiniwe emva kohambo olude olusuka kwilizwe laseBurkina Faso – apho badlale umdlalo wokuzibekela indawo kwiFifa World Cup ka’2018 ezakube iseRussia. Kuye kwanyanzeleka, uBrighton Mhlongo, oqale umdlalo namhlanje, asebenze nzima izihlandlo eziliqela ngenxa yoxinizelelo obelufakwa ngabadlali beGhana ababonakale bezimisele ukuwuqoshelisa umdlalo kwakwisigaba sokuqala umdlalo. Bebefane ukwenza njalo ngoba beze eMzantsi bejongwe kakhulu emva kweengxelo zokungaziphathi kakuhle ezithe ndiii phambi kokugaleleka kwabo emazantsi we-Afrika.

Ngomzuzu wamashumi amathathu nantandathu iGhana ifumene igowuli emva kwempazamo eyenziwe ngumdlali omtsha weBafana Bafana, u-Issac Nhlapo, phakathi ebhokisini. UMubarak Wakaso nguye ofake ipenela.

UMzantsi Afrika udlale ibhola ecacileyo emva kwexesha lokuphumla. Iinguqu ezenziwe nguMashaba zizo ezenze umehluko ngoba aBafana Bafana bakwazile ukufumana igowuli ngomzuzu wamashumi amahlanu ngonyawo oluhle luka-Ayanda Patosi.

Lo nto kodwa khange ibatheze amandla nakancinci abadlali beGhana ngoba baqhubele phambili nokucishilela uMzantsi Afrika. Emva kokudlala ntanganye neBurkina Faso ngempelaveki edlulileyo – aBafana Bafana abakwazanga ukuvelisa umdlalo ongcono obunokuthi ukhokelele kwimpumelelo namhlanje.



South Africa: Mhlongo, Mobara, Nhlapo, Hlatshwayo, Matlaba, Patosi, Manyisa, Furman, Mahlangu, Rodgers, Vilakazi

Ghana: Kwarasey, Afful, Baba, Amartey, Boye, Wakaso, Atsu, Partey, Waris, Tetteh, Acheampong