UPatosi uyibeke endaweni entle iCape Town City

Emva kwempumelelo yesibini imidlalo ilandelelana, uBennie Mccarthy, wange isigqeba sakhe aqeqesha naso kwiqela lakhe. Nakubeni iphantsi kwezandla ezitsha nje – kodwa iCape Town City ibonisile okokuba izimisele ukuqhuba kakuhle nakule isizini ngokuthi ibethe iBidvest Wits ngo’1-0 kumdlalo weMTN 8 obubanjelwe eCape Town Stadium ngale njikalanga. Igowuli lempumelelo lifakwe sisiququ u-Ayanda Patosi kwimizuzu embalwa phambi kokuphela kwesiqingatha sokuqala somdlalo, ngalo ndlela wayibeka endaweni entle iCity. Iqela likaMcCarthy lifumene impumelelo yesibini kwiWits emva kokuyibetha ngo’1-0 kumdlalo wePSL wokuvula kwiveki ephelileyo eBidvest Stadium. Ngoku eli qela laseKapa liyiphumelele yomine imidlalo eliyadlale phantsi komqeqeshi omtsha.

La maqela mabini aye kwixesha lokuphumla iCape Town City ihamba phambili ngo’1-0. Igowuli leCitizens lifakwe ngumdlali oze kakubi kweli qela – u’Ayanda Patosi. Isantsa salo mdlalo besivele saphezulu njemgoko bekulindelekileyo kuba lo mdlalo olandela lowo wePSL ebethwe kuwo iWits kwiveki ephelileyo. Nangona iWits izibalule njengeqela elithanda ukuwanqoloba amaqela emidlalweni – kodwa kukhangeleka ngathi iyasokola kwiCity.

Umdlalo uqale apho uyeke khona kwisigaba sokuqala futhi kubonakala okuba nabadlali banendawana yokudlalana kakubi ebaleni. USteve Pienaar nabadlali abafana noKlate noClaasen bazamile ukudibanisa umdlalo weWits phaya esiswini bezama nokudlalisa ifolosi entsha uGamal – kodwa ebitsala nzima ngenxa yendlela ebigadwe ngayo ngabadlali bakaBenni McCarthy emva. UShaib Walters uye waxakeka kwisigaba sesibini ngoba iWits ibikhangela indlela yokufaka igowuli lokulinganisa – kodwa ibifika ethe qwa ngamaxesha onke. 

Emva kokwenziwa kweenguqu ngamaqela omabini lubekho utshintsho olubonakalayo kulo mdlalo. Ukungena kukaTeko Modise kulinike amandla iqela likaMcCarthy kwaye beliquqa libuyelela kumhla weWits okwezulu laseMthatha. UPule, ongene kwisigaba sesibini kulo mdlalo, edibene noClassen bazamile ukunkqonkqoza kwiipalize zeCitizens – qha bebefika uWalters evalile. Abadlali beCape Town City benze umsebenzi oncomekayo kakhulu nangona bebephantsi koxinizelelo kwisigaba sesiboini. Umlenze wokuqala weMTN uphunyelwe yiCity, isenethuba  lokuguqula izinto iWits kumlenze wesibini eGoli emva kokubuya isophisa eKapa. Umdlalo weMTN 8 izolo obuphakathi kweSuperSport United neMaritzburg United ophele ebambene ngo’1-1 eLucas Moripe Stadium.

Cape Town City: Walters, Fielies, Johannes, Mkhize, Seedat, Putsche, Nodada, Masina, Patosi, Lakay, Majoro.

Bidvest Wits: Josephs, Frosler, Hlatshwayo, Damjanovic, Hlanti, Scott, Klate, Monare, Claasen, Mhango, Gamal.