UPatrice Motsepe uphehlelele iAfrica Super League exabisa iBhiliyoni

UMongameli weCAF, uPatrice Motsepe noweFIFA uGianni Infantino, bexhagwe ngamalungu weCAF kwinkomfa ebiseTanzania. Umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

UMongameli weCAF, uPatrice Motsepe, uphehlelele ngokusesikweni iAfrica Super League kwinkomfa ebibanjelwe eTanzania ngoLwesibini. Eli vela tanci likaMotsepe likhatshwa sisityhwentywe semali engaphaya kwebhiliyoni yerandi (R1.6-bn). Amazwe eAfrika aqhubela phambili wona neyawo iSuper League noxa yabhebhethwa yaphelela emoyeni eYurophu kunyaka ophelileyo. Iinkokeli zeCAF zivene ngelithi amaqela aza kuthatha inxaxheba kwiSuper League aza kuba ngamashumi amabini anesine. Aza kuthathwa ngokulandelelana kwawo kumanqwanqwa weCAF. Iqela eliphumeleleyo liza kufumana isizumpulu semali esondele kwizigidi ezingamakhulu amabini erandi (R197-million).

“Ukusungulwa kweSuper League yenye yezinto eziphambili kuphuhliso lwebhola yase-Afrika. Injongo yethu ecacileyo: sifuna ukunika amandla amaqela wethu ukuze akwazi ukumelanga noompondozihlanjiwe behlabathi,” utshilo uMotsepe namhlanje eTanzania. Kulindeleke abadlali baxhamle kakhulu kwimali iCAF eyityale kwiSuper League. “Le yimali eza kuncedisa abanikazi bamaqela ukuze bakwazi ukubhatala abadlali imivuzo. Into endingayithetha ebadlalini: yityaleni imali ukuze incede iintsapho zenu. Amaqela wethu eAfrika zange abe nesiseko esomeleleyo. Lo nto yenza kube nzima ukugcina abadlali abasemgangathweni ophezulu.

“Senza oku sinethemba lokuphucula ibhola yeAfrika. Sifuna ukubona ibhola eza kutsala abantu njengakwezinye iindawo. Sifuna ukubona amazwe angamalungu weCAF ekhula ebholeni ekhatywayo. Nebhola yamanenekazi sifuna ukuyikhulisa. Eyona ngxaki enkulu yamaqela adlala iCAF Champions League ziindleko zokuhamba xa esiya emidlalweni,” utshilo uMotsepe. Imidlalo yeSuper League iza kuqala ngomhla wamashumi amabini anesine kule nyanga yeThupha iyokusongwa kuCanzibe kunyaka ozayo. Amaqela aza kuthatha inxaxheba eMzantsi Afrila yiMamelodi Sundowns, iKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates.