UPatrick Mabedi ngumqeqeshi obambeleyo weKaizer Chiefs

Patrick Mabedi, Assistant coach of Kaizer Chiefs reacts to the 4th official during 2017 MTN8 match between Kaizer Chiefs and Supersport United at Moses Mabhida Stadium, Durban South Africa on 12 August 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ngale
njikalanga, Amakhosi, achonge uPatrick Mabedi njengomqeqeshi obambeleyo kude
kuphele isizini. Ukuchongwa kukaMabedi kulandela ukuhamba kukaSteve Komphela
emva kokubethwa kweKaizer Chiefs ngo’2-0 yiFree State Stars kumdlalo weNedbank
Cup ebusuku ngoMgqibelo. Lo kaMabedi ebesebenza njengesekela likaKomphela kule
sizini. UMabedi akafiki kwiChiefs ngoba wayidlalela ukusuka ngo-1998 ukuya
ku-2006. Wayeyinxalenye yeChiefs eyaphakamisa iindebe ezimbini ze-Absa Premier
Soccer League ngethuba iChiefs iphantsi kwesandla sikaTed Dumitru ongasekhoyo.

UMabedi uza
kuncediswa lelinye igqala leChiefs eliqeqesha kwiDiski Challenge – uMnu. Arthur
Zwane. Akukacaci ukuba ngubani oyena mntu oyakuthi angene endaweni kaKomphela.
Kulindeleke Amakhosi agwetywe kwakhona emva kokuba iindlavini zawo zabalandeli
ziqhwaye udushe eMoses Mabhida Stadium kwiveki ephelileyo. Kutshanje, iPremier
Soccer League, igxize iChiefs ngomdliwo ophaya kumakhulu amabini amawaka (R200 000)
– kodwa emva kwezi sehlo sakutshanje, kulindeleke yohlwaywe kakhulu. Abalandeli
beChiefs badinwe kukunyamzela iisizini ezintathu kungekho ndebe phantsi
kukaSteve Komphela. Inye indoda evele enkundleni yaseThekwini namhlanje ebanjwe ngoMgqibelo malunga nesiganeko esenzeke eMoses Mabhida Stadium.