UPatu ukhala ngeChiefs engafuni ukutheng’abadlali

Bandile Patu

I’solezwe lesiXhosa lincokole nomlandeli weKaizer Chiefs ozingcayo ngayo – kodwa ongaxolanga kwaphela yindlela eqhube ngayo kwisizini ephelileyo. Esixelele ngezinto azithandileyo ezenziwe yiChiefs kule minyaka edlulileyo, nezo afuna zilungiswe kwisizini ezayo.

Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Molo Bhuti, kuhle. Unjani wena?

PM: Ndiphilile, enkosi. Gqaba gqaba, khawuzazise kubafundi beli phephandaba.

Umlandeli: Igama lam ndinguBandile Patu, ngokokuhlala ndiseKhaya Mnandi apha eStellenbosch. Ndingumlandeli weKaizer Chiefs.

PM: Kuhle ke. Khawutsho, wadibana njani neChiefs?

Bandile Patu: Ndavele ndayithanda iChiefs ngenxa kaBhuti wam owayeyithanda kakhulu. NguBhuti owathi kum mandilandele iChiefs kuba liqela labantu. Ngoba nam ndandiyibona ukuba inabantu abaninzi. Inoba ndandineminyaka elithoba ngoko ndandiqala ukuyilandela. Enye yezinto endizithandayo ngokulandela iChiefs, kukuhamba kwiindawo ezahlukeneyo esibukela kuzo ibhola.

PM: Yintoni ongasoze uyilibale ngeli qela lakho?

BP: Ndayithanda indlela iChiefs eyayiqhuba ngayo phantsi kukaTed Dumitru. Yayidlala ibhola entle kakhulu. Ndikhumbula sidlala neCeltic umdlalo wokugqibela wesizini, uCollins Mbesuma noDavid Rhadebe besenza izinto ababedume ngazo. Soze ndiyilibale leya isizini.

PM: Uziva njani emva kwale sizini idlulileyo?

BP: Bhuti, iChiefs ayifuni kuthenga abadlali. Asibafumenanga abadlali esasibanqwenela. Into edlalwa ngaba badlali bathengwayo ayibonakali. Ngaphandle kukaSiphiwe Tshabalala ayikho tu iChiefs. Ingase kuthengwe abadlali abasemgangathweni.

PM: Ngubani umdlali omthandayo?

BP: NguSiphiwe Tshabalala. Iyandixolisa kakhulu indlela adlala ngayo uShabba. Uyabonakala ukuba uyayiphila iChiefs. Usokolo edlala ngokuzimisela okukhulu.