UPaulse uzimisele ukuyinceda i-Ajax Cape Town

Ifolosi ye-Ajax Cape Town, uNathan Paulse, uvuya kakhulu njengokuba etyikitye isivumelwano sonyaka esitsha.

Le ngqwayingqwayi yomdlali yenye yabadlali abanamava angumangaliso futhi abadala kweli qela laseKapa.

Isivumelwano sakhe besiphelelwa ekupheleni kwale sizini, kodwa ngenxa yendima ebalulekileyo ayidlalayo, i-Ajax ikhawuleze yambophelela kwakhona.

Kule sizini, lo mdlali unamashumi amathathu anesine eminyaka sele efake amagowuli asixhenxe, waphinda wadlala indima ebalulekileyo ngethuba i-Ajax ibetha iKaizer Chiefs ngo’1-0 kumdlalo wamagqibela kankqoyi eMTN 8 eBhayi kunyaka ophelileyo.

Le ndedeba yakwaPaulse ithi, iyakholwa ukuba kusekuninzi kakhulu enokwenza ebholeni nje ngokubanzi, kwaye uyakuvuyela ukubayinxalemnye yeli qela laseKapa.

“Ndichulumance kakhulu emva kokwandisa ngonyaka omnye isivumelwano sam sengqesho ne-Ajax. Kuninzi endinokwenza ebholeni. Le minyaka ndiyichithe kweli qela ihambe kakuhle ngeyona ndlela. Ngoku ndijonge isizini ezayo. Kufuneka sisebenze nzima, siphinde sizibekele imigomo emitsha. Iinjngo zethu kukulikhulisa eli qela, kwaye wonke umntu uyazi ukuba ndiyakuthanda ukudlalela i-Ajax,” utshilo uPaulse.

Ebalisa ngeyona nto ilindelekileyo kuye kweli qela, uPaulse, uthethe wenjenje: “Kwisizini ezayo, ndingathanda ukwenza ngcono.

Umnqweno endinawo nomfutho wokudlala ufana nalowa ndandinawo ndiseneminyaka elishumi elinesibhozo.

Ndicinga ukuba ibonakele lo nto ngethuba siphumelela iMTN 8. ndizimisele ukuyinceda i-Ajax ifumane ezinye iindebe.” NgoLwesithathu i-Ajax indwendwela iMaritzburg United eHarry Gwala Stadium.

Kulo mdlalo iMaritzburg izakube isilwelwa ukufumana amanqaku apheleleyo ukuze ivale umsantsa phakathi kwayo namqela asentla kwayo.

Kanti yona i-Ajax ifuna ukubaphakathi kwamaqela asibhozo xa kuphela le sizini ukuze ikwazi ukukhusela indebe yeMTN 8 ekuqaleni kwesizini entsha.