UPauw ulicuthile inani labadlali

Umqeqeshi weqela lesizwe lamantombazana, uVera Pauw, kuye kwanyanzeleka alicuthe inani labadlali bakhe phambi kwemidlalo yeBanyana Banyana yokulungiselela imidlalo ye-Olimpiki.

UPauw unomsebenzi onzima wokucutha iqela lakhe liyotsho kwishuni elinesibhozo labadlali xa kufika ixesha lokuya eBrazil, apho imidlalo izakuthi ibanjelwe khona.

Uvumile ke kambe lo mqeqeshi ukuba ngokwenene ibingumsebenzi ongalulanga lo wokushiya abadlali bakhe.

“Owona msebenzi unzima xa ungumqeqeshi kukuhamba nabanye abadlali abanye bashiyeke.

Kodwa ke yinto ekufuneka yenzekile. Ndiyazi ukuba nditshabalalisa amaphupha wabanye abadlali abanqwenela ukudlala kwii tumente ezinkulu njengale siya kuyo” utshilo uPauw. Ngamashumi amabini anesithandathu abadlali abaya kwinkampu eseNetherlands. Kodwa ngomhla wesine kweyeKhala kufuneka abe uPauw enabadlali abangamashumi amabini anesibini.

Abadlali abashiyiweyo ngoku nguMpho Tefo, Yolula Tsawe, Letago Madiba, Jabulile Mazibuko no-Andisiwe Mgcoyi.

pedro.mapelo@inl.co.za