UPauw usakholelwa kwiBanyana yakhe

Into yokungakwazi ukulawula umdlalo usaqala yiyo ebethise iBanyana Banyana kumdlalo wokuqala kwemibini yobuhlobo phakathi kwayo ne-Netherlands, ngoMgqibelo.

IBanyana nexhaswa yinkampani yakwaSasol isebenzisa le midlalo ukulungiselela imidlalo yeOlimpiki ezakubanjelwa eRio kwinyanga yeThupha kulo nyaka.

UMzantsi Afrika wenze impazamo ngokudlala kakubi umdlali weNertherlands ebhokisini, bafumana ibhola yasimahla ukuze bafumane igowuli lokunkqenkqeza phambili.

Umqeqeshi weBanyana uVera Pauw ukholelwa ukuba iqela lakhe khange limphoxe nangona libethiwe.

“Ekuqaleni abadlali bam bebebonakalisa ukoyika, becinga ukuba iNetherlands lilizwe eliphezulu kakhulu. Bendibona ukuba babahloniphe kakhulu, kodwa ngokuhamba komdlalo baye bazibona ukuba bangakwazi ukukhuphisana nabo.

“Senze utshintsho labadlali abambalwa xa singena kwisiqingatha sesibini, le nto isincede kakhulu kuba sikwazile ukunqanda eli qela lingakwazi ukubheka phambili. Bebengakwazi ukugqobhoza kubadlali bethu bangemva, kwaye siphele sikwazi ukwakha amathuba abhethele. Ngesikwazile ukufumana nokuba ngamagowuli amabini,” utshilo uPauw.

La mazwe mabini azakuphinda angquzulane kumdlalo wobuhlobo wesibini ngomso kwibala elinye. Umdlalo uzakuqala ngentsimbi yesixhenxe. UPaul uqinisekile ukuba lo umdlalo uzakuba yinto eyahlukileyo.

“Kufuneka sinyaniseke kuba eli qela laseDutch khange libasebenzise bonke abadlali balo abaphezulu, ngoLwesibini izinto zizakuba nzima. Loo nto ithetha lukhulu kuthi kuba lithuba lokuba sibonakalise ukuba siyakwazi ukuwuphakamisa umdlalo wethu,” uvale ngokutsho uPauw.