UPecy Tau ofakw’ ekhwapheni nguVincent Kompany owayedlalela iManchester City

UPercy Tau utyikitywe liqela elitsha eBelgium. Umfanekiso: Facebook

Umdlali weBafana
Bafana, uPercy Tau, unekhaya elitsha emva kokutyikitywa yi-Anderlecht yaseBelgium
namhlanje ekuseni. Owayekade engumdlali weManchester City,
uVincent Kompany, ongumqeqeshi we-Anderlecht ngoku, ugqibe kwelokuba afak’
ekhwapheni uPercy Tau emva kokudlala kakuhle kwiqela ekuthiwa yi-Union Saint-Gilloise.
UTau, 26, uchithe iisizini ezimbini kwiqela laseBelgium elamboleka kwiBrighton
& Hove Albion eyamthenga kwiMamelodi Sundowns – kodwa ayakwazi ukumdlalisa
kwi-English Premier League ngenxa yenani eliphantsi lemidlalo ayidlalele iqela
lesizwe engummiselo kuye wonke umdlali ofuna ukudlala eNgilane. “UPercy ngumdlali
onesiphiwo sokudlala, unamandla futhi unesantya. Sele ezibonakalisile okokuba
ungumdlali owenza izinto zenzeke ebaleni. Siyakuvuyela ukufika kwakhe – kodwa siza
kumnika ithuba lokuzilungiselela ukuze abe yinxalenye yeqela ngokupheleleyo,”
itshilo ingqonyela ye-Anderlecht, uPeter Verbeke, kwingxelo ekhutshwe liqela
kwikhasi lomnatha namhlanje.

UTau,
owemka kwiSundowns emva kokuyinceda kwiCaf Champions League neSuper Cup,
ugudlene ngamagxalaba nabadlali abaziwayo kwihlabathi kwisizini egqithileyo
ngethuba iqela ebelidlalela lidlala namaqela afana neManchester United
yaseNgilane neReal Madrid
yaseSpain. Ukwamkele ngovuyo uTau ukuya kwakhe kwiqela likaKompany watsho
ethembisa ngokusebenza ngokuzimisela. “Ndiyinxalenye yeqela elisoloko lilangazelela
ukudlala ibhola ebukelekayo ebaleni. Lo nto ndiyayithanda ngoba ihambelana
ncamashi nendlela endidlala ngayo mna. Mna neli qela sidalelwene kwaye
ndizimisele ukusebenza ngokukhulu ukukhuthala. Ndifuna ukuqinisekisa okokuba
iqela libuyela kwindayo elifaneleyo kwibhola yaseBelgium. Ndeza apha
ndizimisele ngoba injongo yam yayikukuba ngumdlali obhetele,” utshilo uPercy Tau.
Ukuba izinto zimhambela kakuhle uTau kwiqela lakhe elitsha, ngaphandle
kwamathandabuzo, uza kuba ngumdlali obalulekileyo xa iqela lesizwe xa lidlala
imidlalo ehlakulela indebe ye-Afrika neyehlabathi emva kwekhorona.