UPercy Tau uthi uyilungele iYurophu!

UPercy Tau weMamelodi Sundowns uthi ukulungele ukuyodlala eYurophu ngoku. Umfanekiso: BackpagePix

IMamelodi Sundowns ingaphulukana nomdlali wayo
ophambili ekupheleni kwale sizini. Emva kokuziqaqambisa kwiisizini ezimbini zilandelelana kwimidlalo ye-Absa Premier Soccer League, ngoku uPercy Tau uthi ukulungele
ukuya kudlala eYurophu. Mabini amaqela ekuvakala ukuba afuna lo mdlali otshisa
bhe. Elokuqala iqela yiFC Rostov
yaseRussia ezakusingatha indebe yehlabathi kulo nyaka, elesibini yiMidtjylland
yelizwe laseDenmark.

Iingxelo zithi omabini la maqela sele
eqhakamshelene nezikhulu zeMamelodi Sundowns malunga nokufumana lo mdlali –
kodwa kucingeleka ukuba ijonge isixa semali ethile xa imthengisa. UTau, 23, ufunwa
ngapha nangapha emva kokuzibalula kwimidlalo yeCaf Champions neSuper Cup kule
minyaka mibini idlulileyo. Khange kuphelele apho ngoba ufike wenza ezibukwayo
lo mdlali nakwiqela lesizwe eliqeqeshwa nguStuart Baxter – iBafana Bafana.

Kule sizini yePSL ka-2017/18, uPercy Tau sele
ezibalule ngokufaka amagowuli asixhenxe waphinda wancedisa kumagowuli alishumi afakwe
ngoogxa bakhe. Umqeqeshi weDowns, uPitso Mosimane, uvumile ukuba nyhani akhona
amaqela aseYurophu amfunayo lo mdlali wazalelwa seMpumalanga. UTau uthi
ukulungele ukuwelela phesheya kolwandle. “Okwangoku ndikhetha ukuphucula
indlela endidlala ngayo ukuze kuthi xa kufika ixesha lokuhamba kwam ndibe ndikulungele.
Ingqondo yam ndiyimilisele kwimidlalo yePSL, iNedbank Cup neyeChampions League,”
utsho uTau.

“Ndidlalile kwiChampions League, kwiFifa Club
World Cup nakwiBafana Bafana – noko ndiyakwazi ukuziveyisha ngoku. Ndisebenza
nomntu (uMosimane) osoloko endiqhuba. Zininzi izinto afuna ndizenze kwaye
uyandixelela izinto endinokwazi ukuzenza njengomdlali kwakunye nezinto
endinokuzenza ngcono. Ubukho bakhe ndiyabubulela,” utsho uTsho.

Izolo lo mdlali ufake igowuli ekuphela kwalo emdlalweni
ngethuba iMamelodi Sundowns ibetha iCape Town All Stars edlale umdlalo ophucuke
kakhulu kwiNedbank Cup, e-Athlone Stadium.