UPercy Tau uthi wonwabile emva kokulungisa impazamo yakhe

UPercy Muzi Tau evuyela igowuli lokuqala laBafana ababethe iNamibia emdlalweni weAfrica Cup of Nations. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Kuthe nco entliziyweni kaPercy Tau emva kokuba efumene ithuba lokulungisa impazamo ayenze kwiveki ephelileyo kwi’Africa Cup of Nations. UTau uye wangundabamlonyeni kutshanje emva kokuphosa ipenela emdlalweni obuphakathi kwaBafana Bafana neMali.

Ekupheleni komdlalo, aBafana Bafana boyiswa yiMali ngamagowuli amabini eqandeni – kodwa abantu abaninzi babesithi ukuba uTau wayengayiqabelisanga phezu kweepali ibhola, izinto ngezazohlukile. Ngethamsanqa lakhe, uMzantsi Afrika uye wafumana ipenela emdlalweni wesibini obudibene kuwo neNamibia.

Uye wayifaka uTau aze amanye amagowuli afakwa nguThemba Zwane (amabini) noThapelo Maseko. ABafana Bafana baye bayibetha ngamagowuli amane eqandeni iNamibia ezenzele igama ekuqaleni kwe’Afcon ngokubetha iTunisia.

UTau uzityande igila emva kokwenza kakuhle kwakhe emdlalweni ogqithileyo. “Oogxa bam babephoxekile ngoba babenethemba lokuba ndiza kuyifaka ipenela. Ndalinikwa ngabo uxanduva,” utshilo uTau ebalisa ngabanye abadlali adlala nabo kwiqela lesizwe.

“Emva kokuphosa ipenela, kwabonakala ukuba izinto ngezaziguqukile. Kodwa noko bayazi ukuba izinto ezinjeya ziyenzeka emidlalweni. Sendinethuba elide ndidlalela iqela lesizwe. Zininzi izinto endizenzele iqela lesizwe.

“Khange ndithandabuze ngokukhaba ipenela kwakhona futhi kumnandi njengokuba ndiyilungisile la nto yenzekayo. Amanqaku amathathu esiwafumeneyo asibeke endaweni entle kakhulu,” utshilo uTau emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe oomakhelwane.

Nangona izinto zihambe kakuhle, uMzantsi Afrika usajongene nomsebenzi omkhulu wokususa endleleni iTunisa engekaphumeleli ukuze indlela yawo ivuleke ngokupheleleyo. “Siza kuzama ngako konke okusemandleni wethu. Andiqondi ukuba impumelelo esiyifumeneyo isenza sicinge ukuba sesiqabele.

“Kufuneka sizame emdlalweni wethu wokugqibela ngoba sazi kakuhle ukuba nantoni na ingenzeka. Siza kulwa, ngethemba lokuba siza kuyizuza impumelelo. Kungakuhle ukuba kungangafakwa magowuli kuthi,” utshilo uTau ethetha namajelo eendaba.