UPercy Tau uyihlangule iDowns kwidabi lasePitoli

Percy Tau of Mamelodi Sundowns challenged by Morgan Gould of Supersport United during the Absa Premiership 2017/18 match between Mamelodi Sundowns and Supersport United at Lucas Moripe Stadium, Pretoria on 2 February 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Kwakhona uPercy
Tau uye wachongwa njengoyena mdlali obalaseleyo emdlalweni emva kokuhlangula
iqela lakhe kwisiqingatha sesibini. IMamelodi Sundowns ibambene neSuperSport
United ngo’1-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obunzima kakhulu eLucas
Moripe Stadium ngale ntlwa yanamhlanje. Njengesiqhelo, ishumi elinesithathu elinesiqingatha
lamawaka abalandeli bebhola abathe bazimasa idabi lamaqela amakhulu asePitoli,
limnke lingazisoli kwaphela emva komdlali obukwizinga eliphezulu. Inqaku elinye
elifunyenwe yiSundowns kulo mdlalo wanamhlanje liyigcine ihleli phezulu
ngamanqaku amathandathu. Omabini la maqela ebenawo amathuba okuwusonga umdlalo
agoduke namanqaku apheleleyo – kodwa ngelishwa lawo akubanga njalo ngoba
akakwazanga ukuwasebenzisa.

Isiqingatha
sokuqala besisihle futhi sinikina umdla kakhulu. Amatsatsantsa a Pitori
ankqenkqeze phambili phambili kwangoko emdlalweni emva kokuba inxele elidume
ngobuchule ebholeni, uThabo Mnyamane, engcangcazelise umnatha ngebhola eshiye
uDenis Onyango engazazi nokuba ebezama ukwenzani. Igowuli lingene emva
kwempazamo enye eyenziwe ngabadlali beDowns emva. UKhama Billiat noPercy Tau
bazamile ukunkqonkqoza ezipalini zeSuperSport United – kodwa uRonwen Williams
ebengafuni nova. UThemba Zwane uphantse wayibeka endaweni entle iSundowns
ngathuba lithile emva kokunikwa ibhola entle nguTebogo Langerman enxele –
ibhola ebingqutywe ngentloko ichithiwe nguWilliams.

Umgangatho womdlalo
uye wenyuka kwisigaba sesibini somdlalo. Amakhwenkwe kaPitso Mosimane abuye
efuna igowuli lokulinganisa. UTau, uZwane noSibusiso Vilakazi ongene endaweni
kaBilliat bathe chu nokubeka uxinizelelo kubadlali beSuperSport United. Nayo
kwelayo icala iSuperSport United ibingayekanga ukusebenza ngokuzimisela nangona
ibiyonganyelwe yiSundowns. Iphose ithuba elihle lokufaka igowuli lesibini
ngethuba ibhola kaMorgan Gould iphuma ecaleni kwepali. Ithemba leMamelodi
Sundowns, umavula-kuvaliwe – uPercy Tau, ufake igowuli lokulinganisa emva
kokuba abadlali beSuperSport United boyiswe kukuchitha ibhola emhlabeni
kanozinti.

Ukudlala ntanganye
kwala maqela wasePitoli kuthetha ukuthi iDowns izakuhlala phezulu kwiPSL –
logama yona iSuperSport United kusafuneka isebenze ngokuzimisela kwimidlalo
yayo ezayo ukuze ibhekele kumaqela asecicini lokugawulwa lizembe ekupheleni
kwesizini. Umlalo ubumhle kakhulu noxa umqeqeshi weDowns enokuthi iqela lakhe
ngeliphumelele ngenxa yamathuba angasetyenziswanga kakuhle ngabadlali bakhe.