Aphelile amaqashiso ngekamva likaPercy Tau. Ngoku ungumdlali weqela lebhola ekhatywayo laseQatar ngokupheleleyo. Kwiveki ephelileyo, iQatar SC imazise ngokusesikweni njenjomdlali wayo omtsha. Oku kwenzeke emva kokuba uTau ethengiswe yiAl Ahly yaseYiphutha ahleli kuyo iminyaka emine yonke.
Iingxelo zamajelo endaba ezijikelezayo zithi uTau utyikitye isivumelwano sengqesho sokuhlala kwiqela elidlala kwiQatar Stars League kude kufike ixesha lokuphela kwesizini eqhubekayo. Le folosi yaBafana Bafana yafika eYiphutha kwiminyaka emine eyadlulayo xeshikweni uPitso Mosimane wayesengumqeqeshi weAl Ahly – elona qela elikhulu ebholeni yezwekazi le’Afrika.
Noxa kwakulindeleke ukuba amlandele waye wahlala. Yinqwaba yeendebe ayiphumeleleyo uPercy Tau ngethuba engumdlali weAl Ahly. Bekusoloko kukho iingxelo ezimane zivela ezithi uza kuhamba kwiAl Ahly nakwisizini egqithileyo ngoba ukhe wakhathazwa nakukonzakala obekumphethe kakubi.
Ekugqibeleni ude wahamba uTau. Ezi ndaba ziqinisekiswe yiQatar SC ekuqaleni kwale veki. Emva koko uye wathumela amazwi ombulelo kubalandeli beqela asuka kulo. “Molweni balandeli beAl Ahly. Ukusukela ngomhla wam wokuqala kwiqela lenu senza imbali,” utshilo uTau oshiye umyalezo kumakhasi onxibelelwano.
“Nina benisoloko nilikhaya endifumana inkuthazo kulo kuyo yonke iminyaka endiyihleli kwiAl Ahly. Senze imbali engasoze ilibaleke ezingqondweni zabantu. Sisonke siphumelele iindebe ezilishumi elinambini. Kuyandivuyisa endikuphumeleleyo ngethuba ndinani. Impumelelo nganye ebesiyifumana ibimnandiswa yinkxaso yenu nothando lebhola ekhatywayo elinibonakalisileyo.
“Ndihamba ndifumbethe iinkumbulo engqondweni yam nempumelelo efunyenwe ngabadlali abadlalela iAl Ahly eke yanikwa iwonga leqela eliqaqambileyo kwiminyaka elikhulu (Club of the Century) kwizwekazi le’Afrika,” utshilo uTau ebhekisa kubalandeli beqela lakwaFaro. Ugqibele ngokubulela abaphathi, abaqeqeshi nabantu bonke eqeleni.
Kuvakale iindaba ezithi umqeqeshi okhoyo ebengenaso isicwangciso sokumsebenzisa eqeleni. Ukuhamba kwakhe kungenzeka kumncede akwazi ukugcina indawo yakhe kwiqela lesizwe aphulukene nayo ngenxa yokungadlaliswa kwakhe. Ujongene nomsebenzi onzima kwiQatar Stars League ngoba iQatar SC ihleli emsileni. Ishiyekelwe lishumi elinambini lemidlalo phambi kokusongwa kwesizini.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup