UPeter de Villiers ngumqeqeshi omtsha weZimbabwe

UPeter de Villiers ubhengezwe njengomqeqeshi weZimbabwe namhlanje. Umfanekiso: Facebook

Owayefudula
eqeqesha Amabhoko-bhoko, uPeter de Villiers, ubuyele kumbhoxo wehlabathi emva
kokunikwa uxanduva lokuqeqesha ilizwe lasebumelwaneni – iZimbabwe. Le ndedeba
yakwaDe Villiers ibuyela embhoxweni emva kokudinga umsebenzi kwinqanaba
lehlabathi iminyaka esixhenxe yonke emva kokushiya iqela lesizwe loMzantsi
Afrika. “Liwonga elikhulu kum ukuqeqesha iZimbabwe – kodwa ndisalinde kuthathwe
isigqibo ngokusesikweni ziziphathamandla. Ndiqinisekile bakuthatha isigqibo
esifanelekileyo. Ndisakufuna ukusebenzela umbhoxo, naphi na apho ndibizwa khona
ndiza kuya,” ucatshulwe esitsho uDe Villiers phambi kwokwenziwa kwesibhengezo.

Lo kaDe
Villiers ngomnye wamadoda ahlonitshwayo embhoxweni eMzantsi Afrika. Egameni lakhe
uDe Villiers unezinto eziliqela anokuzibalisa ngaye. Kwiminyaka emine eqeqesha
iiBoks, le ndoda yagqugqisa kumazwe afana neNew Zealand,
eNgilane, e-Ireland nakwiTri-Nations ngo-2009. Amabhoko-bhoko aphumelela
amashumi amathathu wemidlalo yovavanyo kwengamashumi amane anesibhozo. Lo
mqeqeshi wagqibelisa kwiiBoks emva kokubeethwa kwazo ngo’11-9 ziiWallabies
kwindebe yehlabathi ngo-2011. Kule minyaka idlulileyo, uDe Villiers ebesoloko
esebenza njengomcebisi kumaqela athile eNtshona Koloni kanti ekwayiyo
nengqonyela yeqela lombhoxo kwiYunivesithi yela phondo.