Ngempelaveki egqithileyo, iSekhukhune United ipapashe isibhengezo esithi uPeter Hyballa ugqibe kwelokuba abeke phantsi iintambo. Lo mqeqeshi waseJamani ufike kwinyanga ephelileyo emva kokusongwa kwesizini yePremier Soccer League ka2023/24.
Akukho zinkcukacha ezingezinye ezixeliweyo – kodwa iphephandaba laseGoli lithi uHyballa uye wagxothwa yiSekhukhune United emva kokuthutyeleziswa kwevidiyo abonakale kuyo ezitikatika ngesondo namanenekazi athengisa umzimba.
UHyballa ngumqeqeshi wesibini oshiye iqela lakhe engaqeqeshanga nakomnye umdlalo kwisizini entsha. Omnye umqeqeshi ozichithe kwangoko iintente zakhe nguDylan Kerr obengumqeqeshi weMarumo Gallants ebuyele kwiBetway Premiership emva kokuba umnikazi wayo ethenge iMoroka Swallows wayiguqula igama.
Endaweni yakhe uHyballa kungene uDavid Makhubedu. Nguye oxhuzule imikhala ngethuba iSekhukhune United idlala neCape Town City emdlalweni weMTN8 Cup obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.
Ngelishwa iSekhukhune ibethiwe yiCape Town City ngegowuli elinye eqandeni elingene sekuphela isigaba sesibini somdlalo. UMakhubedu uye wathi umqeqeshi usalinde amaphepha okusebenza xa ebuzwa ziintatheli emva komdlalo.
Kodwa iqela lakhe libhengeze into eyahlukileyo kuleyo ayixelele iintatheli. Zikhona iingxelo ezithi uHyballa ebengaboni ngasonye nabadlali nomnye obencedisa abaqeqeshi ogama linguTinashe Shingai Mukandatsama oye wathathwa yiMamelodi Sundowns kwiveki ephelileyo.
Kulindeleke ukuba uLehlohonolo Seema athathe iintambo kungekudala. USeema ubuyela kwiSekhukhune United kungaphelanga neenyanga ezimbini egxothiwe yiSekhukhune. Zange sichazwe isizathu sokugxothwa kwakhe phambi kokuvalwa kwesizini egqithileyo.
Okwangoku uSeema uxakekile kowabo eLusuthu – apho enza khona izifundo zoqeqesho (CAF A License). Uza kukhokela iBabina Noko emva kokuququmbela izifundo zakhe eziza kumnika amaqhinga amatsha.
Yintoni uMthetho oYilwayo weBELA?