UPeter Shalulile ugxeleshe isizini ezayo ngamehlo abomvu

IMamelodi Sundowns ziintshatsheli ezivunyiweyo zeDStv Premiership okwesihlanu izihlandlo ezilandelelanayo – kodwa umntu ongenelisekanga ncam ngumsebenzi awenzileyo nguPeter Shalulile. Le folosi yaseNamibia iwe ngeneno kwiinzame zayo zokufumana amashumi amabini anesihlanu amagowuli, irekhodi likaCollins Mbesuma awalenza ngo-2005. UShalulile ufumene umnqongo wegoli emdlalweni wokugqibela iSundowns ebethe kuwo iRoyal AM ngo’3-2 eChatsworth Stadium ngoMvulo wale veki. Nakubeni iSundowns ibiseyithathile indebe, yena uShalulile ebenomqonga wamagowuli amathathu ebefuna ukutsiba ngaphaya kwayo. Njengokuba ingenzekanga lo nto, uShalulile ufunge ngelithi uza kuzama ukufumana amagowuli amaninzi ukodlula awafake kwisizini ka-2021/22.

“Andonelisekanga konke konke,” utshilo uShalulile ofumene amashumi amabini anesithathu amagowuli kwisizini esongiweyo. UShalule uphakathi kwabadlali ekulindeleke bazithaphulele amawonga emsithweni ekuza kuwongwa kuwo abadlali abaqaqambileyo. “Emva kokuba ndingakwazanga ukufumana amagowuli ebendiwafuna, mhlawumbi Emva komdlali, uSteve Komphela, uvuyisene neqela lakhe emva kokuthwaliswa isithsaba. Kunyaka ozayo ndakufumana angaphezulu kwala ndiwazuzileyo. Ndifuna ukubulela abadlali nabalandeli abandixhasileyo isizini yonke. Andonelisekanga yindlela endisebenze ngayo emva kokungawafumani amagowuli ebendiwafuna.

“Ndiza kuqhubela phambili nokulwa kwisizini ezayo. Iintshatsheli azinikezeli,” uthilo uShalulile. Emva komdlali, uSteve Komphela, uvuyisene neqela lakhe emva kokuthwaliswa isithsaba. Ubancome kakhulu oogxa bakhe nabadlali abaqinisekisileyo ukuba iSundowns izuza indebe yeDStv Premiership ekhatshwa yimali ezizigidi ezilishumi elinesihlanu zerandi (R15-million). Ekuqaleni kwesizini, iSundowns iphumelele indebe yeMTN8 ehamba nesibhozo sonke sezigidi zerandi (R8-million). Kanti ngempelaveki, iDowns inethuba lokongeza indebe yesithathu xa idibana neMarumo Gallants emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup oza kudlalelwa eRoyal Bafokeng Stadium ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ngoMgqibelo. Iqela eliphumeleleyo lakugoduka nezigidi ezisixhenxe (R7-million).