UPeter Shalulile uncede iDowns ebethe iChiefs emdlalweni weMTN8!

Umfanekiso: Kaizer Chiefs/Facebook

Amagowuli amabini afakwe nguPeter Shalulile athathe iMamelodi Sundowns ayibeka kwisigaba sokugqibela seMTN8. Oku kwenzeke emva kokuba iDowns ibethe iKaizer Chiefs ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obushushu ngendlela emangalisayo eLucas Moripe Stadium namhlanje emalanga. Amasandawana, aphumeleleyo ebaleni lawo, aye emdlalweni wanamhlanje enento esandleni emva komdlalo ephele entanganye ngo’1-1 eFNB Stadium kwiiveki ezigqithileyo.

Bonke abalandeli (macala omabini) bagoduke bonelisekile namhlanje ngoba amaqela wabo adlale umdlalo ophucukileyo futhi adlalele ukuphumelela. Amakhosi agoduka iintliziyo zigobile emva kokuba evinjwe ipenela emizuzwini yokugqibela ngusompempe. Isiqingatha sokuqala ebesivutha bhe siphele iSundowns ihamba phambili ngamagowuli amabini kwelinye. UPeter Shalulile wenze imbali ebholeni yaseMzantsi Afrika ngokufaka igowuli kwimizuzwana elishumi umdlalo uqalalile.

Igowuli lithe gqi emva kokuba uBrandon Petersen oyiswe kukukhaba ibhola ebisuka esizikithini sebala. Uye waxheshwa nguShalulile ofake ibhola entle esendaweni embi. Kuye kwanyanzeleka Amakhosi alwele ukufumana igowuli lokulinganisa emva kwempazamo kaPetersen. Umdlalo ubumhle ngoba omabini amaqela ebedlala bhetele futhi esiya phambili. Ithuba leChiefs lokuqala livele ngebhola ebibekwe phantsi ngaphaya komhlaba kanozinti – kodwa ngelishwa, uEdson Castillo ukhabe ibhola ehambe ngaphezulu kweepali.

Emva kwakhe, uTebego Potsane ukhabe ibhola ekude efike yathi nca esandleni kuRonwen Williams. Amakhosi afumene igowuli lokulinganisa ngepenela efakwe nguDu Preez emva kokuba uSipho Mbule ebambe ngesandla ibhola ebisuka ekoneni. Kwixesha elongezelelweyo, uShalulile ufake igowuli lesibini ngebhola ayidlalelwe nguLucas Ribeiro. Amaqela asukelene kwisigaba sesibini ngokufanayo nakwisigaba sokuqala.

URulani Mokoena ufake uThapelo Maseko endaweni kaMbule owenze iimpazamo nakwisigaba sesibini. Naye kwelakhe icala, uMolefi Ntseki wenze iinguqu ezithe zawuphakamisa umdlalo weChiefs. Ufake uJasond Gonzalez noChristian Saile, kwaphuma uTebogo Potsane noPume Mmodi. Iphantse yawusonga umdlalo iSundowns ngethuba uZwane ephosa ithuba emva kokufumana ibhola entle kuMaseko. Amakhosi aphethuke ngesantya esiphezulu ahlasela.

UDu Preez ufumene ibhola entle – kodwa yadibana noRonwen Williams. Kwimizuzwana emva koko, uSaile uzamile ukukhabela iipali – kodwa neyakhe ibhola ayenzanga ngxaki. Iinzame zikaMarcello Allende noMaseko ziye zathintelwa nguPetersen ngokulandelelana. Amakhosi azamile ukuhlasela esebenzisa amaphiko – kodwa akwavuma. Belikhona ithuba lokufumana ipenela kwakhona emva kokuba uMduduzi Mdantsane ekhatywe nguThapelo Maseko ebhokisini. Uphelile umdlalo iSundowns ihamba phambili ngo’2-1.